Ukhala ngabadlali umqeqeshi weWalter Sisulu University

Ngethuba iWalter Sisulu University FC idlala neFuture Tigers. Umfanekiso: Anele Raziya

Umqeqeshi weWalter Sisulu University FC, uMoses “Skhephe” Khenyeza, akonwabanga ngabadlali bakhe aboyiswa kusebenzisa amathuba acacileyo emidlalweni.

Lo mqeqeshi, owayengunozinti weKaizer Chiefs, uthi kwimidlalo yomibini ye-ABC Motsepe League edlalwe ekhona, abadlali bakhe boyisiwe kukusebenzisa amathuba kakuhle.

Ezintetha zikaKhenyeza zilandela emva kokubethelwa ekhaya kweqela lakhe yiFuture Tigers engenantanga kweezi ntsuku, ngegowuli elinye eqandeni eGcuwa ngoMgqibelo.

Igowuli lifakwe ngu-Angel Muratshu kwimizuzu yokuqala emdlalweni, emva kokuba kuwiswe umdlali weTigers ngaphandle kwebhokisi.

Kwiveki ephelileyo kumdlalo weWSU kunye neMatta Milan ophele ngo1-1, uSkhephe uyikhalimele into yabadlali bakhe abawisa abadlali emhlabeni wabo.

“Nanamhlanje sohloywe ngokufanayo nomdlalo odlulileyo,impazamo yethu kukuwisa abadlali kumhlaba wethu”, utshilo uKhenyeza

Kwelinye icala u”Skhephe” uyancoma ukuba abadlali bakhe badlala umdlalo omhle kodwa kufuneka abafundise indlela yokufaka amagowuli, kuba bayaphosa.

“Sikwazile ukuvelisa amathuba kodwa ingxaki asikwazanga ukuwasebenzisa,” utshilo umqeqeshi.

Abadlali bakhe ubachaza njengabadlala le nto ayifunayo nangona enentsuku ezisibhozo qha esebenza nabo. Amaqela akwiMotsepe League uwabona njengadlala ibhola ngendlela efanayo.

Lo nto uyibona njengezakwenza kubelula ukulungiselela ukuwabetha xa abadlali bakhe sele beyibambile ncakasana indlela afuna badlale ngayo.

Emva kwezi ziphumo, iFuture Tigers, inkqenkqeza phambili kwiMotsepe isuse i-EC Bees edlale ntanganye ngo’1-1 neMatta Milan.

Iziphumo zeMotsepe League

SUBS 0-3 Lion City

Morning Stars 2-1 Young Ideas

Highbury 2-1 FC Buffalo

Callies 4-1 City Lads

Mighty Bucks 0-0 Tornado

Matatiele Professionals 2-2 Mthatha City

EC Bees 1-1 Matta Milan