Ukhala ngeefolosi uTinkler

Umqeqeshi we-Orlando Pirates, * -Eric Tinkler, uncumile emva kokuba iqela lakhe lifumene impumelelo ngempelaveki , kodwa akonwabanga ncam ngenxa yabadlali bakhe abaphose amathuba amaninzi.

AMabhaka-bhaka abethe i-CS Sfaxien ngo’1-0 kumdlalo weCaf Confederation Cup obubanjelwe eMhiri Stadium ngobusuku bangeCawa. Inqaku loloyiso lifakwe ngumdlali odlala esiswini uThabo Rakhale, kwisiqingatha sesibini. Eli gowuli ulifake emva kokuba efumene ibhola ebisuka kugxa wakhe esiswini.

Umdlalo uqale ngezinga eliphezulu, kulapho kuye kwanyanzeleka ukuba unozinti wePirates, uBrighton Mhlongo, asebenze ngamandla kuba iSfaxien ibifuna ukufaka igowuli, Kodwa ukuxhathisa kwabadlali basemva abafana noSiyabonga Sangweni, Happy Jele, Ntsikelelo Nyauza noThabo Matlaba kuyincede kakhulu iBucs , phaya phambili uLehlohonolo Majoro, Sifiso Myeni kunye noKermit Erasmus bawafumene amathuba okufaka kodwa abakwazi ukuwasebenzisa kakuhle yilonto kanye exhalabisa umqeqeshi.

“Besifumene amathuba amahle kwade kwakabini emva kwegowuli lethu , ukuba besiwasebenzisile lo nto ngeyenze singahlali simincile phaya ngaphandle.

Ekuzeni kwethu apha besisazi ukuba amathuba sizakuwafumana nangona siwaphosile , kodwa ndiyathemba ukuba sizakuwasebenzisa amathuba kwixesha elizayo” utshilo uTinkler. Le mpumelelo ibeka iSea-Robbers kwindawo yesibini zinamanqaku amathandathu, kwindawo yokuqala kuhleli iZamalek ebethe iPirates kutsha nje apha eMzantsi Afrika.

Eli qela laseSoweto liza kugaleleka kweli namhlanje, kwangoko kufuneka balungiselele umdlalo omkhulu ophakathi kwabo neKaizer Chiefs wetumente yosuku iCarling Black Label oza kubanjelwa eFNB Stadium ngentsimbi yesithathu ngoMgqibelo.