Ukhala ngeempazamo umqeqeshi weSharks

Umqeqeshi weSharks, uRobert du Preez, ukhale ngeempazamo ezenziwe ngabadlali beqela lakhe emva kokubethwa ziReds ngo’26-28 kwimpelaveki edlulileyo. UDu Preez ukuthethe oku ephazamisekile emva kokuphulukana nomdlalo wokuqala kwiSuper Rugby.

Le ndedeba ayikholelwa ukuba lilishwa ukubethwa kweqela layo kushiyeke imizuzu esibhozo emdlalweni. “Asidlalanga kakuhle konke. Sisaxoxa nangoku ngokubethwa kwethu ixesha seliphelile.

Enyanisweni asidlalanga kakuhle kula mdlalo. Leya ayiyo indlela esifuna ukudlala ngayo. Zininzi kakhulu iimpazamo ezenziwe ngabadlali ezibangele iReds iphumelele umdlalo,” utshilo uDu Preez, eSedney.

ISharks ziseCanberra – apho ziza kudibana neBrumbies eziqeqeshwa nguStephen Llarkham.

Umqeqeshi weSharks uthi akakagqibi ngelona qela labadlali eliza kudlala – kodwa zikhona iinguqu ezilindelekileyo. UStephan Lewises angangena endaweni ka-Etienne Oosthuizen owonzakeleyo.