Ukhala ngokungazithembi kwabadlali uTinkler

Uvumile umqeqeshi we-Orlando Pirates, * -Eric Tinkler, ukuba akaqinisekanga nokuba iqela lakhe lakukwazi na ukungena kumaqela asibhozo aphambili kwiPremier League xa kuvalwa isizini ngenxa yeziphumo zempelaveki.

Amabhaka-bhaka oyisiwe kukubetha iqela elisokoloyo kwiPSL iMaritzburg United, ngempelaveki kumdlalo ophele ngo’0-0.

Kungokunje iPirates ihleli kwindawo yesithandathu, inamashumi amane amanqaku, kodwa umsantsa ophakathi kwayo namaqela asemva kwayo awumkhulu.

Injongo kaTinkler kuqala ibikukufumana indawo yesithathu ukuze iqela lakhe lifumane ilungelo lokudlala kwiCaf Confederation Cup – kodwa emva kokuba lingakwazanga ukuphumelela imidlalo emithathu edlulileyo, ngoku akaqinisekanga [uTinkler] nangale yesibhozo ilwelwa luninzi lwamaqela adlala kwiPSL. “Asikho isiqinisekiso sokufumana indawo kulawo asibhozo xa kuphela isizini, kudala ndiyithetha lo nto kubadlali,” utshilo uTinkler izolo.

Nangona iPirates igqwidizile ekuqaleni kwale sizini ngenxa yezizathu ezahlukeneyo – kodwa kuthe yakuphumelela imidlalo eliqela lakhona ithemba lokuvala isizini ikwindawo endilisekileyo.

“Ukubangaphakathi kwamaqela aphambili kwiPSL yinto esemqoka, ukuba besiwuphumelele umdlalo esiwudlale neMaritzburg, ngesithetha enye into ngoku. Imeko esikuyo ngoku imbi kakhulu. Ndiyathetha ngale nto nabadlali ngamaxesha onke, kwaye abadlali bayakwazi ukubaluleka kwale nto ndithetha ngayo,” utshilo uTinkler.

Njengokuba iBucs intingela eBhayi – apho iza kudlala neChippa, umqeqeshi wayo ukhala ngokuzithemba okwehlileyo kubadlali bakhe.

“Emva kokuba sibethe iSundowns kubonakala ngathi iingqondo zabadlali ziye zaphazamiseka. Kufuneka sikugxininise ukubaluleka kokufunda kwiimpazamo,” utshilo uTinkler.

Nayo iChippa United ilwela indawo kumaqela aphambili kwiPSL xa kuvalwa le sizini, ngoku ihleli kwindawo yesixhenxe.