Ukhal’esimantshiyane uMiddendorp

UMqeqeshi weMaritzburg United, u-Ernst Middendorp. Umfanekiso: BackpagePix

Umqeqeshi weMaritzburg United, u-Ernst Middendorp, akaxolanga kwaphela emva kokuba iqela lakhe liphulukene nomdlalo wesibini kwiveki enye.

IMaritzburg ibethwe yiKaizer Chiefs ngamagowuli amabini eqandeni (2-0) kumdlalo we-Absa Premier Soccer League eFNB Stadium izolo ebusuku.

Kwimidlalo emine, eli qela laKwaZulu Natal, liphumelele umdlalo wamnye jwi, ladlale ngokulingana komnye komnye umdlalo laze labethwa kwemini.

Ayimphathanga kakuhle ke uMiddendorp indlela iqela lakhe elibethwe ngayo kwimidlalo yale veki.

Kangangoku ucinga ukuba izigqibo ezenziwe ngoosompempe, athi zigwenxa, zihambelanga negumgedle elineenjongo zokucinezela iqela lakhe.

Nokuba lo nto uyithethe kuba esiva ubuhlungu – kodwa okuthe kwabonakala kuye umdlalo usaqhuba, kukungoneliseki yindlela usompempe ebewuphethe ngayo umdlalo.

“Sifake igowuli elicacileyo kwimizuzu engamashumi amabini umdlalo uqalile – asalinikwa kodwa. Into ebonakeleyo ngamakhadi atyheli aluthotho anikwe abadlali bethu. Igowuli leChiefs lifakwe ngumdlali olaleleyo. Nangoku, uKhune ebenguye umdlali obalaseleyo – lo nto iyabuxela ubunjani bomdlalo,” utshilo uMiddendorp kumabonakude emva komdlalo.

Le ndedeba yaseJamani ithe iqela layo liyinyanzele iChiefs ukuba idlale ngendlela engaqhelekanga.

“Iye yasixaka yona indlela edlale ngayo iChiefs ngoba ibinabadlali abasixhenxe emva – kodwa nangona kunjalo umdlalo ubumhle,” utshilo uMiddendorp.

UMidderndorp uthe iqela lakhe lohlwaywa ebaleni ngenxa yokuthobisela iJomo Cosmos kumdlalo wokugqibela kwisizini edlulileyo.

“Siyabethwa ngoosompempe qha. Iipenela ebekufanele ukuba siyazifumana, asizifumani. Andazi nokuba wonke umntu usacaphukela ukuthityiselwa kweCosmos na?. Asidlali kakubi kwaphela futhi sisebenza ngokuzimisela,” uvale ngalo mazwi uMiddendorp.