UKhama Billiat ufumene iqela elitsha eMzantsi Afrika

Khama Billiat of mamelodi Sundowns challenged by Yassine El Kharroubi of Wydad during the 2018 CAF Champions League match between Mamelodi Sundowns and Wydad at Lucas Moripe Stadium, Atteridgeville on 05 May 2018 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Iingxelo ezitshisayo
zithi uKhama Billiat uza kubhengezwa njengomdlali weKaizer Chiefs kungekudala. Abasemfuthweni
wolwazi baxelele i-Independent Media iindaba ezithi le ndedeba yaseZimbabwe
izimisele ukuwaphelisa amaqashiso ngekamva layo emva kokungavumelani ngemiba
ephathelene nemali phambi kokutykitya isivumelwano sengqesho esitsha neMamelodi Sundowns.
Amakhosi amtyikityile kwaye kulindeleke ukuba amazise njengomdlali wawo
ngokusesikweni ngoMvulo weveki ezayo.

Umqeqeshi weSundowns,
uPitso Mosimane, uzamile amatyeli aliqela ukuthetha nalo mdlali – kodwa iinzame
zakhe ziwe phantsi emva kokungavumelani ngemali eqikelelwa kwizigidi ezibini
(R2-million) efunwa nguBilliat phambi kokuzibophelela nomrholo ongamaphaya
kwamakhulu amabini amawaka erandi (R220 000) ngenyanga. UBilliat wenze
indima enkulu kwiSundowns kule minyaka idlulileyo phantsi kukaPitso Mosimane.
Iindebe zePSL ezintathu, iTelkom, iNedbank, iCaf Champions League – zezinye
zeendebe abenegalelo kuzo uBilliat.

Amakhosi
asakhangela umqeqeshi omtsha oza kungena endaweni kaSteve Komphela owabeka
phantsi kwisithuba seenyanga ezimbini ezidlulileyo. Kutshanje, iChiefs ikhulule
abadlali abaliqela abaquka uBrilliant Khuzwayo, uTsepo Masilela, uSibusiso
Khumalo, u-Edmore Chirambadre, uKeagan Buchanan noWilliam Twala. Akukabikho
lizwi eNaturena ngomqeqeshi omtsha nakubeni igama likaStuart Baxter limane
likhankanywa. “Linda, ikhona into entsha eza kuvela namhlanje. Sizimisele
ukuyixela indawo ayakuyo uBilliat,” utshilo uMike Ngobeni ochophela imiba
yomdlali.

-Independent Media