Ukhangela iqela elitsha uCheeseboy!

ULebohang “Cheeseboy” Mokoena ukhangela iqela elitsha emva kokuba ebhengeze ukuhamba kwakhe kwiMamelodi Sundowns.

Isivumelwano sakhe sengqesho neSundowns siyaphelelwa ekupheleni kwale nyanga yeSilimela, lo nto ithetha ukuthi amaqela amfunayo angathetha naye ngokukhululekileyo.

IiBrazillians zenze imbali kwisizini ka’2015/16 ngokuthi ziphumelele indebe yePremier League ngamashumi asixhenxe ananye amanqaku, kodwa ngelishwa uCheeseboy kuncinane kakhulu akwenzileyo kulo mpumelelo. Akukho nomye umdlalo awudlale wawugqiba, kodwa ke bekukho ixesha apho akhathazwe kakhulu kukonzakala.

Ngenxa yokhuphiswano phakathi kwabadlali, kube- nzima kuye ukufumana ixesha lokudlala kwiDowns.

Ekuqaleni kwalo nyaka bekukho amahum-hum athi ufunwa eNaturena, kunokwenzeka afumane indawo khona njengokuba iKaizer Chiefs ikhulule amashumi amabini abadlali.