UKhanyisa Chawane ukwamkele ngovuyo ukukhokela iSpar Proteas!

UKapteni omtsha weSpar Proteas, uKhanyisa Chawane, uthembise ngelithi uza kucangca ngqo emzileni oshiywe nguBongiwe Msomi. Kwiveki ephelileyo, uChawane utyunjwe ngokusesikweni njengoKapteni omtsha weqela lesizwe lomnyazi emsithweni obubanjelwe eSandton, eGoli, kwiphondo laseGauteng. Ungena endaweni kaBongiwe Msomi obeke phantsi ebholeni yomnyazi emva kweminyaka emininzi ekhokele iSpar Proteas. UChawane, 28, ukwamkele ngovuyo ukuchongwa kwakhe.

“Bendingalindelanga ngoba yonke into iyasetyenzelwa kwezemidlalo,” utshilo uChawane encumile. Ungena ezihlangwini zikaMsomi obeyinkokeli futhi ebukhali kakhulu nasemdlalweni ebaleni. “Liwonga kum ukungena endaweni kaKapteni ofana noMsomi. Nguye owenza imbali, nam ke ndiyinxalenye yayo. Mna nditha apho ayeke khona – kodwa into endifuna ukuyitsho kukuba ndiyalivuyela ithuba endilinikiweyo,” utshilo uChawane oza kusekelwa nguKarla Pretorius ongumdlali owaziwayo kakhulu.

UChawane wazalelwa eTzaneen wafunda kwisikolo ekuthiwa yiHoerskool Ben Vorster. Akakhulanga lula – kodwa wabuguqula ubomi bakhe ngokudlala ibhola yomnyazi emnike ithemba lokubambelela ebimini. Udlalele iqela lomnyazi ekuthiwa yiFree State Crinums emidlalweni yeTelkom Netball League kunyaka ophelileyo phambi kokuya kwiCardiff Dragons mva kwetumente yehlabathi aqaqambe kuyo eKapa nakubeni uMzantsi Afrika ungakwazanga ukuphumelela kunyaka ophelileyo.

UChawane udlalele iSpar Proteas imidlalo engamashumi asibhozo anambini ukusukela ngo2019. Ekuqaleni kwalo nyaka, iNetball South Africa ichonge uJenny Van Dyk njengomqeqesho omtsha noZanele Mdodana njengesekela lakhe. UKapteni omtsha uthe ukusebenza nomntu ofana noMdodana kuza kuwenza khaphu khaphu umsebenzi wakhe. “Kuhle kum ngoba ndisebenza nabantu abashiya abasebenzileyo. Ukusebenza nomntu ofana nomqeqeshi (uZanele) kumnandi ngoba wayenguKapteni,” utshilo uChawana oye wabulela ukunikwa ithuba lokukhokela iqela lesizwe lomnyazi.