UKhanyisa Chawane uyijonge ngamehlo abomvu iNetball World Cup ezayo!

Abadlali beSPAR Proteas emva kokusonga imidlalo yokucweya e’Australia. Umfanekiso: Facebook

Abadlali bebhola yomnyazi balungiselela itumente yehlabathi eza kube iseMzantsi Afrika ekuthambekeni kwalo nyaka. UKhanyisa Chawane, 27, ngomnye wabadlali abayijonge ngamehlo abomvu kakhulu ngoba iza kudlalelwa elizweni lakhe phambi kwabantu bakhe. Le ntokazi yakwaChawane iza kudlala kwitumente yehlabathi yomnyazi okwesibini. Yayikhona kuleya yayisingathwe yiLiverpool ngonyaka ka-2019 iselula. Akusafani ngoku ngoba uChawane ngomnye wabadlali abanamava kwiqela lesizwe loMzantsi Afrika elilungiselela ukumela uMzantsi Afrika. Sele edlalele ilizwe lakhe amatyeli angaphaya kwamashumi amahlanu emva kokuqala ukudlala kwitumente yehlabathi yabaselula (U-21 Netball World Cup) eyayibanjelwe eBotswana ngonyaka ka-2017.

“Ndiqale ukudlalela iqela lesizwe (SPAR Proteas) ngo-2018 emva kwetumente yehlabathi eyayisingathwe yiBotswana. Kwanyanzeleka ndiyingene entsimini futhi zange ndaphathwa okomdlali omncinane. Ukudlala nabantu ekudala bedlala kundenze umdlali endinguye ngoku,” utshilo uChawane esenkampini ese’Australia. Iqela lesizwe lisenkampini ese-Australia – apho abadlali baphekwa besophulwa khona ukuze xa kufika inyanga yeKhala ekuqala ngayo itumente yehlabathi babe bekulungele ngokupheleleyo ukulwela indebe. Noxa kukho uxinizelelo lokudlalela ekhaya – kodwa uChawane uvuyela le nto eza kudlalela ekhaya ebukelwe ngabantu bakowabo nabo ahlobene nabo.

“Zange bakwazi abantu bethu ukusibukela ngo-2019 ngoba sasikude kakhulu. Kumnandi ngoku ngoba itumente yehlabathi ilapha elizweni lethu. Okuchulumancisayo kukuba abalandeli bethu baza kusibukela ngqo ebaleni,” utshilo uChawane kutshanje emva kokuba inkampani yakwaDiscovery igqibe kwelokuba ixhase abadlali beSPAR Proteas. “Kuyandivuyisa ukuxhaswa kwabadlali bonyazi ngale ndlela. Ewe, siyawaxhasa amanenekazi adlala ibhola yomnyazi – kodwa kuhle kakhulu ngoku ngoba umnyazi ibisoloko iyinto ebekwe emva. Siziva sikhathalelwe xa uDiscovery engenelela ngendlela enze ngayo. Ndinethemba lokuba inkxaso yakhe iza kuwukhulisa umdlalo womnyazi,” utshilo uChawane.