Umdlali we-Orlando Pirates, uRooi Nahamutsa, usendleli ephumayo kweli qela ngoba isivumelwano sakhe esiphelelwe kwinyanga ephelileyo asizukuvuselelwa. Imanejala yakhe, uMike Makaab, inyuka isehla izama ukuvuselelwa kwesi sivumelwano sengqesho.
Umntu osondeleyo kwiPirates uxelele Isolezwe ukuba uMahamutsa angeke abengumdlali weBucs kwisizini ezayo. “UMahamutsa, 35, ngeke abuyele kwiPirates. Imanejala yakhe inentlanganiso nosihlalo wePirates uGqirha Irvin Khoza namhlanje. Entlanganisweni yeqela kuvunyelwene ukuba akazukubuyela.UMuhsin Ertugral ukhale ngeminyaka yalo mdlali,” utshilo osemfuthweni weendaba. Lo kaMahamutsa wafika kweZimnyama ngo’2008 esuka kwiWitbank Spurs. Uphumelele iindebe zePSL ezimbini, ezeNedbank ezimbini, ezimbini zeMTN 8 kunye neTelkom Knockout. Ebekhona kwimidlalo yeCaf Champions League ngo’2013 nakwiCaf Confederation Cup ngo’2015. Ukuhamba kukaMahamutsa kulandela emva kwesibhengezo esingokuhanjiswa kwabadlali abafana noSifiso Myeni noLehlohonolo Majoro kwiveki ephelilyo.
Ngama-332 iintsuku zobumnyama ku2023