Ukhe phantsi isitya sigcwele kwakhona uMzantsi Afrika

Themba Zwane of South Africa challenged by Cheikhou Kouyate of Senegal during the 2018 World Cup Qualifiers football match between South Africa and Senegal at Peter Mokaba Stadium, Polokwane on 10 November 2017 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Kugqityiwe!
UMzantsi Afrika ukhe phantsi isitya sigcwele kwakhona namhlanje emva kokubethwa
ngomzuzu wokugqibela ngo’2-1 yiSenegal kumdlalo wesibini ohlakulela indebe
yehlabathi eStade Leopold Senghor, eDakar. Kwiveki ephelileyo iBafana Bafana
ibethwe ngo’2-0 kumdlalo obusePeter Mokaba Stadium. Kulapho amathemba okuya
kwindebe yehlabathi atshabalale khona. UMzantsi Afrika ugqibele ukudlala
kwindebe yehlabathi ngo-2010 ngethuba yayidlalelwa kweli lizwe. Emva koko zange
ikwazi ukuya eBrazil ngo-2014. Ngethuba kuqeshwa uStuart Baxter bekukho ithemba
lokuya kwindebe yehlabathi – kodwa ukuphindwa komdlalo weSenegal neBafana kulibuyisele
emva iqela leli lizwe nangoba ukubethwa kwalo yiCape Verde iyeyona nto
yaliqhokra ngakumbi. Ngoku iSenegal ilifumene itikiti lokuya kwindebe
yehlabathi emva kokubamba indawo yokuqala kuGroup D.

Akubangakho
gowuli kwisigaba sokuqala kwade kwayiwa kwixesha lokuphumla. Abadlali beSenegal
baqale umdlalo ngokulawula umdlalo – kodwa kungekho ngozi bezanayo kumhlaba
weBafana Bafana. Kumzuzu wethoba umdlalo uqalile kuthe gqi ibhola engqutywe
ngentloko nguClayton Daniels esekhohlo, idibene nonyawo lukaMorgan Gould –
kodwa ngelishwa lakhe ibhabhe phezulu ibhola yakhe. ISenegal idlale umdlalo
wayo ngesantya esiphantsi futhi kubonakala ukuba bakhululekile ngoba wonke
umsebenzi wokuya kwindebe yehlabathi sele uqoshelisiwe kumdlalo odlulileyo. UPercy Tau
akayinikwanga ipenela ngusompempe emva kokuxhaywa kakubi ngumdlali weSenegal
phakathi emhlabeni kanozinti. Sithe xa siphakathi isiqingatha sokuqala
kwabonakala iBafana Bafana ingena emdlalweni futhi izama nokunkqonkqoza
kwiipali zeSenegal. UMzantsi Afrika bekufanele ukuba ufumene igowuli – kodwa iibhola
ezimbini ezikhatywe nguSibusiso Vilakazi noKeagan Dolly zichithiwe ngunozinti –
uGomis.

Isigaba sesibini
besitaka iintlantsi ngoba amabini la mazwe akwazile ukubhalisa ebhodini.
Unozinti weMzantsi Afrika, u-Itumeleng Khune, uqutyulwe ngebhola ephumile
ezipalini kumzuzu wamashumi amahalanu anesihlanu. Nabo aBafana Bafana
baphendule ngegowuli elifakwe nguTau kwimizuzu elishumi emva kwelifakwe
yiSenegal yatsho yangu’1-1. UStuart Baxter ufake u-Andile Jali endaweni
kaThemba Zwane ophose ipenela kwisiqingatha sesibini somdlalo – kodwa yena
udlale kakuhle noVilakazi noTau. ULebogang Manyama uthathe indawo kaVilakazi.
Kwezi nguqu uBaxter ebekhangela indlela yokufumana igowuli lesibini ukuze
aphumelele umdlalo. ABafana bahlasele kwixesha elongezelelweyo – kodwa bala
kwaphela abadlali beSenegal emva. Ifumene igowuli lesibini iSenegal emva
kokufumana ikona kumzuzu wokugqibela, khange ayibone uKhune ibhola.

SenegalGomis. Mbodji,
Kouyate, Wague, P. Ndiaye, Sabaly, A. Ndiaye, Gueye, Niang, Nguette, Sow.

Bafana Bafana: Khune, Mkhize, Hlanti,
Daniels, Gould, Furman, Zungu, Zwane, Tau, Dolly, Vilakazi