Amaqela amabini amakhulu eSuper Rugby kweli loMzantsi Afrika azakuqala ukhenketho kule mpelaveki.
Ukhenketho amatyeli amaninzi ludla ngokuwanceda okanye luwabulale amaqela eSuper Rugby. IiBulls zizakube zisendleleni kuhambo lweeveki ezintathu olusingise e-Australia, kule veki izayo.Kweezi veki zintlanu zidlulileyo, bakwazile ukukhuphisana, kuba abanamdlalo bathe babethwa kuwo. Kolu khenketho bazakudlala neeReds, zaseAustralia ezingeloqela libetheka lula ingakumbi xa lidlalela kowalo. IReds ziyiqale kakubi kakhulu le sizini babethwe kwimidlalo emine kwemithandathu abayidlalileyo.
Omnye umdlalo ozakunikisa umdla weSuper Rugby kule mpelaveki ngumdlalo ophakathi kweStormers neeLions. Indlela abadlala ngayo kulo nyaka yahluke kakhulu kunenimyaka edlulileyo.
Ngelixa zidlala neSunwolves kwiveki ephelileyo iiStormers bezihlasela kakuhle, kwaye bezidlala ngesantya esiphezulu kakhulu.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike