UKhethani unqwenela ukubuyela eNgilane

Umdlali wombhoxo waseQonce, uAthenkosi Khethani

Zimbini izinto ezisengqondweni ka-Athenkosi Khethani: kukudlala kwinqanaba eliphezulu okanye abuyele eNgilane – apho wakhe wadlala khona ngo-2018.

UKhethani, 27, waseDebe kwidolophi yaseQonce, ukuthethe oku ngethuba encokola neli phephandaba.

Le ndedeba ngumdlali wombhoxo owaziwayo kwiBorder Bulldogs – kodwa eyakhula nawo esikolweni yade yayokufika eWalter Sisilu University.

Njengomdlali ozibaluleyo ngoku, uKhethani wawuncanca kutitshala ekuthiwa nguHebhe – indoda eyayisaziwa ngokuthanda umbhoxo. Zaguquka izinto zikaKhethani akuthathwa yiBulldogs ngowama-2015.

“Ekuphumeni kwam ezikolweni zamabanga aphantsi, ndaya eWSU – kulapho iBoder Bulldogs yandibona khona ukuze indithatha ngo-2015. Ndatyikitywa kuloo nyaka – kodwa ndaqala ukuyidlalela ngo-2016,” utshilo uKhethani.

Njengokuba efinca amashumi amabini anesibhozo eminyaka kulo nyaka, uKhethani ufuna ukukhula embhoxweni. Zininzi izinto ezenzekileyo ebomi bakhe – kodwa ukuya kwakhe eNgilane kwamenza umdlali ophucukileyo kakhulu.

“Umbhoxo yinto endayithanda ndisakhula. Zange kube lula ngoba kwaye kwanyanzeleka nditshintshe indawo endandiyidlalayo ngenxa yobude bam – kodwa zange ibe yingxaki enkulu leyo kwaye sendiyincutshe kuyo ngoku. Inkqubela eyenzekileyo ebomini bam iyandincumisa. Kuninzi okwenzeka ngethuba ndidlala eNgilane. Kwakumnandi phaya kwaye ndabuya kukho umahluko emdlalweni wam. Umbhoxo bendiwudlala kamnandi nabantu abangenangxaki eNgilane futhi nesitayile sabo besahlukile. Ndakonwabela ukudlala eNgilane ngoba ndandigqamile emidlalweni endayidlalayo,” utshilo uKhethani.

Njengabadlali abaninzi eMpuma Koloni, uKhethani ubona iCell C Sharks njengeqela angadlala kulo kwiSuper Rugby.

“Ndiyakurhalela ukubuyela eNgilane. Kodwa ndinqwenela ukudlala kwiSuper Rugby kule sizini. Injongo yam kukudlala kwinqanaba elingasentla,” utshilo uKhethani ovale ngomyalezo othi: “Esi sifo asimfuni umntu ongakhathaliyo. Abantu mabazame ukulandela imigaqo yezempilo. Liza kufika ixesha lokuba sikhululeke.”