Ukhethe ukubeka phantsi uNgcobo

Ifolosi yeFree State Stars, uSthembiso Ngcobo, ugqibe kwelokuba athathe umhlala phantsi ebholeni ekhatywayo. Isigqibo sale ntsizwa siza emva kokukhathazwa ngumonzakalo iinyanga ezintathu zonke.

Yiyo lo nto kanye ekubonaka ukuba inyanzele uNgcobo alijonge ngenye indlela ikamva lakhe ebholeni. UNgcobo uyeka ukudlala ibhola kwinqanaba eliphezulu engumdlali we-Ea Lla Koto. Umanejala weli qela, uRantsi Mokoena, uvumile ngokwenene ukuba lo mdlali ubazisile bengabaphathi ngesigqibo sakhe ngokokutsho kwamajelo eendaba.

UNgcobo udlalele amaqela ohlukeneyo kwi-Absa Premier Soccer League, phakathi kwawo kukho iKaizer Chiefs, iBidvest Wits, AmaZulu, Zulu Royals neDurban Stars. Wadlala phantsi kukaVladimir Vermezovic kwiChiefs awayinceda yaphumelela iTelkom Knockout ngo-2010. Emva kokushiya iChiefs, uMapholoba, waya kwiWits nakuMaZulu, kodwa akukho nto icacileyo yenzekileyo kwikhono lakhe lebhola. Udlalile kwiqela lesizwe, iBafana Bafana lo mdlali, kodwa amatyeli ambalwa kakhulu.