UKholosa Biyana ubashiye bencumile abantwana abadlala ibhola eMthatha

UKholosa Biyana odlalela aBanyana Banayana uphe abantwana abadlali ibhola izipho eMthatha. Umfanekiso: Uthunyelwe

UKholosa Biyana ushiye abantwana baseMthatha bencumile emva kokuba ebathe jize ngeeteki nezihlangu zokudlala ibhola ekhatywayo. Lo mdlali weMamelodi Sundowns Ladies ukwenze oku ngokubambisana nenkampani enkulu, uAdidas. Ngabantwana abakumashumi amahlanu abaxhamlileyo kwisipho sobubele esisuka kuKholosa Biyana waseNgcobo ngokuzalwa – kodwa owaqala ikhondo lakhe lokudlala ibhola ekhatywayo eMthatha.

Konke oku kwenzeke emva kokuba uFNB eququzelela itumente yokuqala yebhola ekhatywayo eMthatha. Kwitumente ekuthiwa yiFBN Football First tournament, kudlale amaqela amakhwenkwe namantombazana (Under-15) aphuma aseMthatha. Emva koko kuchongwe amashumi amabini amakhwenkwe (20) namantombazana (20) aza kudibana namaqela aphuma kwiinawo ezifana neThohoyandou, iGeorge, iPietermaritzburg neKimberly kwitumente ezayo.

UKholosa uthe wenza umnikelo ngoba uyazi kakuhle imeko yabantwana bendawo awaqala kuyo ukudlala phambi kokwaziwa lihlabathi lonke njengomdlali waBanyana Banyana. “Kubalulekile ukubuyela apho usuka khona. UMthatha yindawo ekhethekileyo kum ngoba kulapho kuzalwa khona umama wam. Yindawo ebalulekileyo entliziyweni yam. Enye into endiyifundileyo kukubuyela apho usuka khona xa uphumelele.

Kubalulekile ukuncedisa abantwana abasakhulayo ukuze nabo bafumane ithuba lokuphumelela njengawe. Iiteki nezihlangu zokudlala ziza kwenza umahluko omkhulu kakhulu ebantwaneni,” utshilo uKholosa kwingxelo ebhaliweyo. Igosa likaFNB lithe injongo yokuququzelela itumente kukunika abantwana abasuka kwizithili ezihlanu ithuba lokuziqaqambisa ebholeni.

Oku ukwenza uFNB enethemba lokuvulela abantwana amathuba njengokuba kwitumente ezayo eza kumema iintlola zebhola ekhatywayo ezisuka kwiindawo ngeendawo. UVuyolwethu Mhlathi weqela laseMthatha uyincomile kakhulu inkqubo yophuhliso kaFNB. “Abantwana bazivuyele kakhulu izipho futhi ziza kwenza umahluko omkhulu kubo,” utshilo uMhlathi.