UMzantsi Afrika uzakubona umdlalo weTelkom Knockout owahlukileyo kulo nyaka ophakathi kweSuperSport United neCape Town City ngo’18:00 ePeter Mokaba ngoMgqibelo. Omabini la maqela adlala umdlalo ophucukileyo kule sizini.
Abaqeqeshi bala maqela badibana okwesibini kumdlalo okumila kunje. Kwisizini ka’2016 – uStuart Baxter – umqeqeshi weSuperSport United, waphumelela indebe yakhe yokuqala kwiSuperSport ngokubetha i-Orlando Pirates eyayiqeqeshwa ngu-Eric Tinkler.
La madoda ajonge impumelelo nangoku – ayikho enye. Umbuzo: ngubani ozakuphumelela? Akukho bani waziyo – kodwa amava kaBaxter kwimidlalo emikhulu amnika ithuba lokufumana impumelelo.
Uya kulo mdlalo abadlali bakhe bekhona. Kule sizini, iSuperSport United iqhayisa ngezikhuthali zabadlali ezifana nooReneilwe Letsholonyane, Thuso Phala, Thabo Mnyamane, Bradley Grobler noJeremy Brockie. Bonke ngabadlali ekuthenjelwe kubo emva kokunceda iqela labo ukuze lifikelele kwindawo elikuyo ngoku.
Amatsatsantsa a Pitori adlala kakuhle futhi afaka amagowuli – iqela likaTinkler kufuneka liyijonge lo nto.
Ngethuba ethetha kumabonakude ekuqaleni kweveki, uBaxter, uthe umdlalo uzakubanzima – kodwa watsho esithi ungavuleleka emva kwemizuzu ethile.
UTinkler uzingela indebe yokuqala yeCTC ezakubanika amandla nakwiPSL okubethelela indawo yayo kwibhola yoMzantsi Afrika.
Abadlali abafana noLebohang Manyama, Aubrey Ngoma, Lehlohonolo Majoro ngabadlali etshova ngabo iCape Town City, nangoMgqibelo kulindeleke benze abadume ngazo.
UTinkler unalo uxinizelelo emagxeni wakhe kuba abantu balindele lukhulu kuye – ukuphumelela kwakhe le ndebe kungamphakamisa kakhulu kwiPSL. “Yintsebenziswano eyona nto isincedayo thina,” utshilo uManyama ngoLwesithathu.
UNdlozi ubhengezwe njengomsasazi omtsha wePower FM