Ukhonjw’ emnyango uSammy Troughton, wangena uLuc Eymael

Luc Eymael, coach of Polokwane City during the Absa Premiership 2016/17 match between Maritzburg United and Polokwane City at Harry Gwala Stadium, Pietermaritzburg South Africa on 27 September 2016 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

USammy Troughton ukhonjwe emnyango zizikhulu zeFree State Stars emva kwemidlalo nje emibini edlalwe leli qela kwisizini entsha. Endaweni yakhe kungene uLuc Eymael, otyikitye isivumelwano seminyaka emibini, emva kokuqeqesha iPolokwane City kwisizini edlulileyo. OkaTroughton unikwe uxanduva lokuqeqesha iFree State phambi kokuqala kwesizini entsha. Ngumqeqeshi wokuqala ophulukene nomsebenzi kule sizini yePSL ka-2017/18.

Ingxelo ebhaliweyo ekhutshwe ngumanejala weFree State Stars, uRantsi Mokoena, ithe: “SiyiFree State Stars siqinisekisa ukuchongwa kukaMnumzana uLuc Eymael njengemqeqeshi oyintloko. Isivumelwano somqeqeshi neqela sizakuqhuba iminyaka emibini kwaye siyakholelwa okokuba amava nokuzimisela kwakhe emsebenzini zezinye zezinto ezakuthi zikwazi ukubuyisela iFree State Stars kwisimo esilungileyo.

                Pedro Mapelo's photo.

Kwangaxeshanye singatsho ukuthi sisiqhawule ngesihle isivumelwano phakathi kwethu noSammy ngenxa yokwahlukana kwendlela ababaqeqeshi babini abasebenza ngayo ngokwasebholeni. Bobabini bayakholelwa ukuba bangabaqeqeshi abafanele ukusebenza ngokuzimeleyo – kuye kwabonakala okokuba kunganzima ukusebenza kunye. Siyawubulela umsebenzi owenziwe nguSammy ekulungiseleleni isizini ka-2017/18. Simnqwenelela okuhle kodwa kwikamva lakhe.”

Iinguqu zilandela umdlalo obuphakathi kweFree State Stars neBidvest Wits ophele ngo’2-2 eGoble Park Stadium izolo ebusuku. Kanti kumdlalo wePSL wokuqala, iStars ibethwe ngaMaZulu FC ngo’1-0 eKing Zwelithini Stadium kwiveki ephelileyo.