Ukhonjwe emnyango uMenzo, wangena uMuhsin Ertugral

Muhsin Ertugral, head coach of Orlando Pirates during the Absa Premiership 2016/17 game between Orlando Pirates and Kaizer Chiefs at FNB Stadium, Johannesburg on 29 October 2016 © Ryan Wilkisky/BackpagePix

UMuhsin
Ertugral ngumqeqeshi omtsha we-Ajax
Cape
Town! Le ndede yaseTurkey
ithathe indawo kaStanley Menzo othathe iintambo kwisizini ephelileyo emva
kokulahla kukaRoger de Sa. UMenzo ulahlekelwe ngumsebenzi emva kothotho lwemidlalo
kungekho ziphumo zingancumisiyo. Lo nto ibanyanzele abaphathi beqela bayisuse
le ndoda yaseDutch kuba benexhala lokuthotyiselwa kweqela labo. Kulindeleke
ukuba u-Ertugral ancede eliqela elihleli kwindawo yeshumi elinesihlanu –
lishiya iBidvest Wits ebambe itshoba ngamanqaku nje amabini.

Oka-Ertugral
ubuyela eMzantsi Afrika nakwi-Ajax kwakhona emva kokuthi pheselele ixeshana
emva kokushiya i-Orlando Pirates ekuzeni kuphela konyaka ophelile [ngo-2016] ngenxa
yokubethwa kwayo [iPirates] ngo’6-1 yiSuperSport United. Lo ngqondo-ngqondo
womqeqeshi uzakuqeqesha eli qela laseKapa ityeli lesithathu ngoku kwaye ufika
lisengxakini enzima kakhulu. Phantsi kukaMenzo, i-Ajax iphumelele ibathwana
lemidlalo emithathu kwimidlalo elishumi elinesine eyidlalileyo. Ukuze iphume
engxakini i-Ajax Cape Town kunyanzelekile ingene
emakethe, ithenge badlali abanamava ngoba ithengise abadlali bayo abaphambili
kwezi sizini zidlulileyo. Lo nto ithe yachaphazela indlela eqhuba ngayo.