UKhoza ubabeke endaweni yabo abalandeli bePirates

UGqirha Irvin Khoza we-Orlando Pirates kwinkomfa noonondaba. umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

“Ubundlobongela abamkelekanga kwibhola ekhatywayo!” lawo ngamazwi kagqirha Irvin Khoza ngethuba ethetha kwinkomfa yoonondaba ekuqaleni kwale veki eGoli.

UKhoza uzigxeke kakhulu izenzo zabalandeli beqela lakhe abangene ebaleni ngenkani kwimpelaveki edlulileyo.

Abalandeli bePirates bangene ebaleni emva kokuba iMamelodi ifake igowuli lokugqibela kumdlalo wePSL elibethwe kulo iqela labo ngo’6-0 eLoftus Stadium.

Sigxekwe macala onke isenzo sabalandeli, phakathi kwabo bathe basinyhamnyhesha esi senzo ngumongameli weSafa uDanny Jordaan noMphathiswa weZemidlalo uFikile Mbalula. Emva kwabo, igalele nayo iPSL.

AmaBhakaniya afumene into ayigqibela kudala kakhulu eyokubethwa ngamagowuli angaphaya kwesihlanu izihlandlo ezibini kwisizini enye.

Naye uKhoza uthe akayithandi lo nto – kuba ubundlobongela abamkelekanga.

UKhoza uxolisile esizweni watsho esithi umthetho welizwe mawusebenze kubo bonke abathe bophula umthetho eLoftus Versfeld Stadium. Le ndedeba ibachaze abo bazibandakanye kwizenzo zodushe njengeendlavini.

“Namhlanje sihlangene apha ngenxa yesenzo esingaqhelekanga. Udlame aluncedi, udlame luthi lumoshe yonke into nokuba isizathu soqhankqalazo besivakala. Namhlanje ndifuna ukuthi ndiyalixhasa inyathelo lomthetho elithatyathelwa bonke abaphembeleli bodushe,” utshilo uKhoza.

Amagosa omthetho ayaphanda, ekwakhangela bonke abathe babandakanyeka kwizenzo ezenzeke eLoftus. Lishumi elinesithathu lonke labantu abonzakeleyo kwiveki ephelileyo.