UKhoza udiza inani leenkampani ezigacele indawo ka-Absa!

PSL Chairman Dr Irvin Khoza addresses the Media with his Board of Governors during the PSL Press Conference on the 18 March 2020 at Southern Sun Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Usihlalo wePremier
Soccer League, uGqirha Irvin Khoza, uthi akukho sizathu esibangela abantu
baxhalabe ngoba zikhona iinkampani ekudala zingxangile nezifuna ukungena
endaweni eshiywe ngu-Absa. Abantu abaninzi bothuswe sisibhengezo esenziwe
ngu-Absa kwiiveki ezigqithileyo esithe uza kugqibelisa xa kuphela isizini
ka-2019/20 ukuba ngumxhasi ophambili wePSL. Oko kwenzeke emva kweshumi
elinesithandathu lonke leminyaka iPSL no-Absa besebenzisana. Ezintsha ke ngoku
zithi abaphathi bePSL bakulungele ukuhlala etafileni nabameli beenkampani
eziliqela. Noxa engawadizanga amagama wazo uGqirha Khoza, iingxelo zithi
iBidvest, uMultiChoice, uBetway zezinye zeenkampani ezinomdla wokuthatha indawo
ka-Absa. “Sineenkampani ezine okwangoku ezifuna ukuxhasa iPSL,” utshilo uGqirha
Khoza ngokukhulu ukuzithemba ngethuba ethetha ne-IOL Sport. “Uqoqosho lutsala
nzima – kodwa sizama ukuza nesiphakamiso esivakalayo esiza kuthethela phezu
kwaso nabatyalizimali. Kunzima kakhulu – kodwa izinto sele zisiya
emaphethelweni,” utshilo uKhoza.

UMultiChoice
noBidvest zezona nkampani eziphokeleyo okwangoku nekucingeleka okokuba
zinamathuba amahle okuthatha indawo ka-Absa Bank, obegida imali ekwikhulu
namashumi amane ezigidi zerandi (R140-million) ngesizini nganye. Isizini yePSL kwanyanzeleka
imiswe emva kokuqhambuka kwegongqongqo lesifo ekuthiwa yikhorona. “Into
esiyifunayo ngoku kukugqibezela isizini. Khumbula, kufuneka sigqibe isizini
kuqala. Ngenxa yalo nto, asikwazi ukuthetha kakhulu. Silinde ukunikwa igunya
ngurhulumente,” utshilo uGqirha Khoza. Umphathiswa weZemidlalo, uMnu. Nathi
Mthethwa, uyinike igunya lokuqala imidlalo efana negalufa, iqakamba – kodwa usabonisana
nabebhola ekhatywayo ngokugqityezelwa kwesizini. Nangona kunjalo, amaqela
alinikiwe ilungelo lokuzilolonga ezinkampini. Ingxelo ithi isizini iza
kugqityezelwa kwiphondo elinye. Amaqela onke aza kuhlala ndawo ukuze kucuthwe amathuba
okosulelwa kwabadlali nabanye abantu ebholeni ekhatywayo. Abalandeli abazu
kuvunyelwa bangene emabaleni njengakwamanye amazwe aseYurophu.