UKhoza ufuna zitshutshiswe iindlavini zeKaizer Chiefs

Usihlalo wePSL uGqr Irvin Khoza ngethuba leNkomfa nooNondaba kwiiOfisi zePSL UMFANEKISO: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Emva kokuvumbuluka kodushe oluqhwaywe ngabalandeli beKaizer Chiefs kwiveki ephelileyo, iPremier Soccer League neChiefs zizibhaqe ziphendula imibuzo ekunzima ukuyiphendula.

Iindlavini zabalandeli zimbonzeleke ebaleni emva kokubethwa kweChiefs ngo’2-0 yiFree State Stars kumdlalo weNedbank Cup, eMoses Mabhida Stadium.

Emva kwaloo mbhodamo, ngabantu abalishumi elinesibhozo abonzakeleyo. IChiefs, iPSL neSafa zibugxekile ubundlobongela obushiye umonakalo obalelwa kwizigidi zeerandi.

Kwisithuba nje senyanga, abalandeli beChiefs benze udushe ebaleni izihlandlo ezibini.

Usihlalo wePSL, uGqr. Irvin Khoza, uxolisile kwisizwe sonke ngokwenzeke eThekwini, watsho ecela amapolisa ukuba abambe aphinde atshutshise bonke abophulimthetho.

Ekuqaleni kwale veki, uKhoza uxelele iintatheli eGoli okokuba ngumthetho olawula imisitho yebhola ekhatywayo obasokolisayo.

Umthetho ekuthiwa yiSasra nguwo olawula indlela amapolisa asebenza ngayo ngaphakathi ebaleni.

“Ukungakhuseleki kwabantu ebaleni kukwiqondo eliphezulu emabaleni kwaye luxanduva lwethu siyiPSL nabaququzeleli ukwazisa isebe lezeMidlalo nelezoKhuselo ukuze kuqwalaselwe lo nto. Sithethile ngezinto ezenza sisebenze nzima neSAPS,” utshilo uKhoza.

Usihlalo wePSL usole umntu osebenzela amapolisa ojongana nokusebenza kwamapolisa emidlalweni.

UKhoza uthe ukungabikho kwalo mntu kwiintlanganiso ekucwangciswa kuzo kwenza nzima umsebenzi. Imidlalo yePSL iyohlulwa ngobukhulu bayo. Lo nto yenza kube lula ukulungiselela kwicala lezokhuselo, kodwa umntu ophuma esipoliseni onegunya lokuqinisekisa ukhuselo emidlalweni akawenzi kakuhle umsebenzi wakhe.

Indlela engacacanga oonogada abasebenza ngayo igxekiwe, kodwa uKhoza ukhumbuze abantu ukuba abaqeqeshwanga njengamapolisa kwaye abanalo igunya lokubamba abantu.

UPhelelani Jojisa, 32, uvele enkundleni ngoMvulo njengomnye wabatyholwa abonakalise izinto eMoses Mabhida Stadium kwiveki ephelileyo.

Amakhosi abekwe ityala kwakhona yiPSL emva kokugwetywa imali eyiR250 000 kwiveki ephelileyo emva kwesenzo esifanayo nesi.