Usihlalo we-Orlando Pirates, ugqirha Irvin Khoza, uxelele onondaba ukuba ngabalandeli abanyanzelisa ukuhamba kuka-Eric Tinkler kwiqela lakhe. Oku kuthethwe nguKhoza emva kokubhengeza uFord njengeqabane nomxhasi omtsha wePirates. Izolo iPirates nenkampani yeemoto, iFord SA, ziphehlele intsebenziswano kumsitho obubanjelwe e-Orlando Stadium. UTinkler ngomnye wabaqeqeshi abahlonitshwayo ngoku kwibhola yaseMzantsi Afrika emva kokunceda iCape Town City ephumelele iTelkom Knockout yaphinda yavala isizini yePSL ka-2016/17 ikwindawo yesithathu. Phambi kokuqala kwale sizini entsha, uTinkler ungene endaweni kaStuart Baxter owathathwa yiSafa – ngoku [uTinkler] unethuba lokuphumelela indebe yesibini kwiminyaka emibini njengokuba iSuperSport United izakungquzulana neCape Town City kumdlalo weMTN8 kwinyanga ezayo.
UKhoza uthi ayimothusanga inkqubela eyenziwe nguTinkler ngoba ungumqeqeshi osebenza ngokukhulu ukukhuthala. Lo mqeqeshi wafakwa phantsi kwekhwapha nguRoger de Sa emva kokuqeshwa kwakhe njengomqeqeshi oyintloko wePirates. Kwathi akuhamba uDe Sa kwiBucs, endaweni yakhe kwangena uTinkler owathatha iPirates wayibeka kumdlalo wokugqibela kwiCaf Confederation Cup – kodwa kwanyanzeleka azichithe iintente ngenxa yabalandeli abangenawo umonde. Kwelinye icala uTinkler uya neSuperSport United kumdlalo ophambi kowokugqibela weConfederation Cup kwakhona. “Umsebenzi wakhe uyamchaza uTinkler. Yiyo lo nto kwakungekho lula kum ukumkhulula. Ndandifuna ahlale – kodwa ke waye wafumana isithembiso somsebenzi esingcono. Ndiyavuya njengokuba eqhuba kakuhle,” utshilo uKhoza.
“Niyabona, ndandingaphazamanga ngokuchonga uTinkler – kodwa ke ngenxa yabalandeli abaswele umonde – kwanyanzeleka ukuba ahambe. Abantu abaninzi baswele umonde; thina sibona izinto abangaziboniyo – ndiyavuya njengokuba izinto zimhambela kakuhle. Waya kwiCape Town City, wafika wafumana indebe. Ngoku usecicini lokufumana enye. Akukho nto intsha eyenziwe nguTinkler ngoba samlungiselela kakuhle. Ungumqeqeshi ongakoyikiyo ukuvavanywa – wahlukile kwaba baya kwiTV beyogxeka qha,” utshilo uKhoza.
Umrhanelwa obefunwa ubulawe ngamapolisa