UKhoza, uMotaung noJomo bawongwe yiJSE

USihlalo weKaizer Chiefs, uKaizer Motaung, * -Irvin Khoza ongusihlalo we-Orlando Pirates kunye negqala kwibhola ekhatywayo kweli loMzantsi Afrika, uJomo Sono, bawongiwe yinkampani iJohannesburg Stock Exchange (JSE).

Esi sithathu, nesibonwa nje- ngabaseki bebhola, baye baqala nokuvula ushishino kunye neJSE, kusasa izolo. Ingqonyela yeJSE, uNicki Newtown-King uthe: “Yinto enkulu kuthi ukuba sikwazi ukuwonga la magqala mathathu. Ibhola ekhatywayo, iyinxalenye yegazi lethu kweli loMzantsi Afrika, kwaye aba ngootata bebhola ekhatywayo.

Kufuneka sibawonge kwaye siyakhele umkhanyo indlela abathe bayikhokela ngayo ibhola ekhatywayo, ukuba ibeyindlela yokwenza ingeniso. Le yinto esiyivuyelayo njenge-JSE.”

Usihlalo wePSL, * -Irvin Khoza, uyibulele kakhulu i-JSE nabalawuli bayo ngokuqwalasela indima edlalwa yibhola ekhatywayo kuqoqoqosho lelizwe ngokubanzi.

“Enye yezinto ezigqamileyo ngalo msitho usindlekwe yiJSE, kukuba le nto izakukhuthaza amajelo eendaba aseMzantsi Afrika ukuba aqale ukubhala ngecala loshishino kwibhola ekhatywayo.

Le nto izakuncedisa uluntu ngokubanzi ukuba bayiqonde indela esebenza ngayo ibhola ekhatywayo kweli, kuba le yinto ekungafane kuthethwe ngayo, “ utshilo uKhoza.

“Kufuneka siyibethelele ebantwini indlela encedisa ngayo ibhola ekhatywayo, nexabiso eza nalo kuqoqosho kweli loMzantsi Afrika.

Kwiminyaka engamashumi amathathu edlulileyo, ingeniso yethu ibingamakhulu amathathu amawaka eerandi, kodwa namhlanje senza imali esondeleyo kwibhiliyoni.

Mna indivuyisa kakhulu le nto kuba ibonakalisa igalelo elenziwa ngabantu abalawula ibhola ekhatywayo kweli.

chris.gilili@inl.co.za