UKhoza uthumele uMokwena kwiChippa United ukuze ayihlangule engxakini!

Rhulani Mokwena coach of Orlando Pirates during the Absa Premiership 2019/20 game between Baroka FC and Orlando Pirates at Peter Mokaba Stadium in Limpopo the on 07 December 2019 Kabelo Leputu/BackpagePix

Emva kokuthi
shwaka ixesha elide, uRhulani Mokwena uthe vumbu kwiChippa United. Uza
kuqeqesha iChippa eshiywe nguNorman Mapeza ekuqaleni kwale veki. UMokwena unethuba
elide ngasabonakali emva kokuyeka ukuqeqesha i-Orlando Pirates eyathathwa
nguJosef Zinnbauer ekuzeni kuphela kuka-2019. “Siliqela sifuna ukuqinisekisa
okokuba uMokwena uza kuqeqesha iChippa. Uza kusekelwa nguMichael Loftman,”
itshilo ingxelo yePirates. IChippa United ihlangulwa yiPirates emva kokuba
uMapeza ezichithile ezakhe iintente ekuqaleni kwale veki. Ukuthunyelwa
kukaMokwena kwiqela laseMpuma Koloni kukhangelela ikukwanda nokuqina kobuhlobo
ebuphakathi kukaGqirha Irvin Khoza wePirates noMnu. Siviwe Mpengesi weChippa.
Abadlali abaninzi beChippa bathathwe yiPirates kule minyaka idlulileyo. Nayo
iChippa ikwazile ukufumana abadlali abaliqela kwiPirates – bambi ngemboleko.

Image may contain: text

Kulindeleke
uMokwena ayitshaye isaqhuma ngoba iChippa inomdlalo obalulekileyo eza kuwudlala
neBidvest Wits ngo-20:15 ngoMgqibelo, eBidvest Stadium. Kwiiveki eziphelileyo,
iWits ibethe iChippa ngo’2-0 emdlalweni weNedbank Cup. Izinto ezenzeka
kwiChippa ziza kwenza kube nzima kwiChippa njengokuba isiya kwiWits eyophisayo
emva kokubethwa yiSuperSport United ngo’2-0 eMbombela Stadium kwiveki
ephelileyo. IWits ifuna ukuphumelela ukuze iqabele ngaphaya kweSuperSport
ehleli kwindawo yesine. Yona iChippa ifuna ukuphumelela ukuze ibhekele ezembeni.
Mhlawumbi ukuza kukaMokwena kwiqela elincinci njengeChippa kuza kumnika ithuba
lokusuka isakhono sakhe sokuqeqesha emva kokungahambi kakuhle kwezinto
kwiPirates – apho wafakwa edyokweni esengumqheliswa emva kokuhamba kukaMilutin
Sredojevic kunyaka ophelileyo kusaqala isizini. Emva kokutsala nzima ixesha elide, iPirates yaqasha uZinnbauer owafika wayinceda.