UKhoza uyamfuna uPienaar

Usihlalo we-Orlando Pirates * -Irvin Khoza angavuya xa enofumana uSteven Pienaar ukuba anxibe isikipa esimhlophe namnyama kweli qela.

“USteve ebevakalise indlela ebesoloko erhalela ngayo ukuza kudlala kwiPirates kwaye ukuba uyafumaneka ndingavuya ukuncokola naye,” utshilo uKhoza ngoMvulo. UPienaar owayedlala kwiBafana Bafana ekwayiyo nekapteni, uphelelwe lixesha lakhe lokudlala kwiqela ebedlala kulo i-Everton kwi-English Premier League. Ngempelaveki uPienaar uthethe ngendlela abawela ngayo ukuza kugqibezela amava akhe ebhola ekhatywayo kweli loMzantsi Afrika. “Ndingathanda ukugqibezela ikamva lam lebhola ekhatywayo eMzantsi Afrika, kodwa andikafumani qela linomdla,” utshilo uPienaar kudliwano ndlebe nephepha la- ngeCawa, iSunday Independent.

UKhoza ukholelwa ukuba iPirates ingambiza lo mdlali, nowaziwayo kweli xa wayedlalela iBafana Bafana, waphinda wadlala ithutyana kwi-Ajax Cape Town. Angafumana ithuba elifana nelo iPirates yalinika uBenni McCarthy.

“Uyayidinga indawo efana nePirates, njengokuba uBenni wayenzile xa wayephumelela izinto nathi apha ekhayeni emva kokuhlala ixesha elide eYurophu,” utshilo uKhoza. UPienaar nowavumayo ukuba ungumlandeli omkhulu wePirates ingakumbi ekukhuleni kwakhe, uthe angathanda ukuphumelela noba inye indebe ekhayeni phambi kokuba ayeke kwibhola ekhatywayo. “Imbasa yePSL ingaba yinto entle ukwangeza kwiimbasa zam,” utshilo kudliwano ndlebe ne-Independent.