UKhumalo ugxeka abadlali boMzantsi Afrika

Isekela mqeqeshi kwiKaizer Chiefs, uDoctor Khumalo, ukhwele ezehlela egxeka abadlali belizwe loMzantsi Afrika, abadlala kwi-Absa Premier Soccer League ngokuyekelela babe abangaphandle bentingela emajukujukwini.

UKhumalo, owadlala amashumi amahlanu emidlalo kwiBafana Bafana nemidlalo engamakhulu mathathu amashumi alithoba nesixhenxe [397] kwiChiefs, ebethetha kwitumente ebizwa ngokuba yiMlalazi Mayoral Cup, eShowe ngoMgqibelo odlulileyo.

Ekufikeni kwamagqala eChiefs, anikwe ithuba lokukhuthaza ulutsha . UKhumalo uthi ukuyekelela kwabadlali balapha kunike ithuba abadlali bamanye amazwe ukuba bakhonye endaweni yabo.

Intetho ka-16V ilandela emva kokuba uKhama Billiat waseZimbabwe, odlalela iMamelodi Sundowns, eziwolele amawonga aphambili kumcimbi wokuvala isizini ePSL kwiveki ephelileyo.

Ngaphezulu koko, uCollins Mbesuma, waseZambia ngonye ozithathele iwonga lomdlali onamagowuli amaninzi emva kokufaka amagowuli alishumi elinesine.

Kanti kwiKaizer Chiefs, uWillard Katsande, odlala esiswini uwole yonke into kumsitho weqela lakhe.

“Andizimiselanga kuthetha into ezakubangela abantu bajongane ngezikhondo zamehlo. Ndifuna nje ukuthetha into ethethwe ngukaputeni welizwe laseZimbabwe, uKatsande, kum kwiiveki ezimbini ezidlulileyo.

Uthe mandimxelele umdlali abemnye waseZimbabwe ongadlali kakuhle kwiPSL. Ndimbuzile ukuba utsho kuba kutheni, wathi ekhaya silambile. Apha sizokusebenza,” utshilo uKhumalo.

Ngokokutsho kukaKhumalo, oku kumshiye enemibuzo, kwaye loo mibuzo kufanele iphendulwe ngabantu baseMzantsi Afrika. “Ithetha ukuthini le nto? Bayazimisela emsebenzini wabo kuba belambile?

Utsho eqhwabela uKantsande oncedise iZimbabwe ezibekele indawo kwi-2017 AFCON.

Eli gqala ligxeke iChiefs, iSundowns ne-Orlando Pirates ngokungakwazi ukuvelisa abadlali abatsha.