UKhune noKhama baphilile!

Kulindeleke iqela lika-Ernst Middendorp liye emdlalweni olandelayo liqinile emva kokufumana iindaba ezithe uKhama Billiat no-Itumeleng Khune baphilile.

UKhune unethuba elide kakhulu engasayidlali ibhola ukusukela oko wonzakala ekupheleni kuka-2018.

Ubuyile naye uBilliat ekuthiwe wonzakele noxa bekujikeleza iindaba ezithi ufuna ukubuyela kwiMamelodi Sundowns.

Amakhosi aza kudlala neSuperSport United emdlalweni olandelayo emva kokubetha iHighlands Park ngo’3-2 neBlack Leopards ngo’1-0 emdlalweni obuseMoses Mabhida kwiveki ephelileyo.

“Abantu mabakhumbule ukuba khange akwazi ukulungiselela isizini emva kwe-Afcon abuye enengxaki yedolo kuyo,” utshilo uMiddendorp othe wwayengafuni uBilliat adlale kwiCarling Black Label – kodwa wanyanzelwa sisigqibo sabalandeli beChiefs.