UKhune noMathoho kwiSA U-23

Abadlali ababini beKaizer Chiefs, * -Itumeleng Khune nogxa wakhe * -Eric Mathoho baqukiwe ngumqeqeshi weqela labadlali abangaphantsi kwamashumi amabini anesithathu elizakundulukela eBrazil kwinyanga ezayo kwimidlalo ye-Olimpiki ezakuthi idlalelwe kwisixeko esikhulu iRio de Janeiro.

Iqela lesizwe lifumene inyhweba enkulu ngokufumana indawo kwi-Olimpiki ityeli lesibini. Umqeqeshi weli qela lesizwe, * -Owen da Gama, uzimisele ukwenza ezibukwayo eBrazil noxa amazwe athelekiswe noMzantsi Afrika engazukuba lula.

UDa Gama ukhwebe abadlali ababini abadala, uKhune noMathoho, ukuze bancedise iqela lakhe. “Sonelisekile siliqela labaqeqeshi ngabadlali esibachongileyo. Sinabo ngoku abadlali abahlanu abakwaziyo ukudlala iindawo ezahlukeneyo. Kodwa siye sabona kunyanzelekile ukuba libandakanye abathile.

Siyabulela kwiSAFA nePSL ngokusixhasa, sizimisele ukusebenza ngokuzimisela futhi siwumele uMzantsi Afrika phaya eBrazil. Ukuchonga abadlali bekunzima kakhulu, siyathemba sakubuya nodumo,” utshilo uDa Gama.

Umbutho olawula ibhola ekhatywayo, iSAFA, ivuyisene nabo bonke abadlali abachongiweyo ngumqeqeshi, yatsho icela abantu bonke baseMzantsi Afrika ukuba balixhase ngokupheleleyo eli qela. Ilizwe loMzantsi Afrika lithelekiswe neBrazil, Iraq neDenmark.

Abadlali abachongiweyo: Oonozinti: Itumeleng Khune, Jody February

Emva: Kwanda Mngonyama, Rivaldo Coetzee, Abbubaker Mobara, Mothobi Mvala, Eric Mathoho, Tebogo Moerane, Tercious Molepe.

Esiswini: Gift Motupa, Aubrey Modiba, Deolin Mekoa, Keagan Dolly, Phumlani Ntshangase.

Iifolosi: Tyroane Sandows, Lebo Mothiba, Tashreeq Morris, Menzi Masuku.

Neqela lesizwe laba ngamantombazana, iBanyana Banyana, libhengeziwe izolo:

Roxanne Barker, Amanda Dlamini, Andile Dlamini, Refiloe Jane, Bambanani Mbane, Mamello Makhabane, Noko Matlou, Stephanie Malherbe, Sanah Mollo, Robyn Moodaly, Linda Motlhalo, Octovia Nogwanya, Nompumelelo Nyandeni, Lebohang Ramalepe, Jermaine Seoposenwe, Leandra Smeda, Janine Van Wyk, Nothando Vilakazi.