Ukhune ucacisa indima yakhe ekubuyeni kukaThulani Serero

Itumeleng Khune of South Africa during the 2019 African Cup of Nations Qualifier South Africa training session at Steyn City School, Johannesburg on 14 November 2018 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Unozinti weBafana
Bafana, u-Itumeleng Khune, uthele thsuphe amajelo endaba ngendima ayidlalileyo
ekubeyeleni kukaThulani Serero kwiqela lesizwe. Kunyaka ophelileyo, uSerero walinikela
umva iqela lesizwe emva kokukhalazela ukuvinjwa ithuba lokudlala nguStuart
Baxter. Kwiiveki ezidlulileyo, kuvakele iindaba ezithi abaphathi beSafa
bebenentlanganiso yasekhusini nalo mdlalo. Ukuba yinxalenye yeqela likaBaxter
elilungiselela ukudlala neNigeria emalanga eFNB Stadium ngentsimbi yesithathu ngoMgqibelo ngunozala
walo ntlanganiso. Kukhangeleka ngathi angasetyenzisa nguBaxter emdlalweni
wempelaveki.

“Ndikhule
naye uThulani. Izindlu zethu zisondelelene kakhulu kwaye singabantu abanobuhlobo.
Xa ebuyile phesheya – apho adlala khona, uyeza endlini yam okanye ndiye endlini
yakhe. Besisoloko sithetha ngokubuyela kwakhe kwiBafana Bafana ngoba
ebedingeka. Thina seva ngamajelo endaba ukuba akasazukwazi ukudlalela iqela
lesizwe. Kodwa konke ngoku kuxelelwe oko. Silusapho olunye ngoku kwaye uThulani
wazibona ukuba wenze impazamo. Yiyo lo nto wabona kufanelekile ukuba makathethe
nomqeqeshi,” utshilo uKhune kwiintatheli enkampini yeBafana Bafana.

UMzantsi
Afrika wamkela iSuper Eagles emdlalweni wokuzibekela indawo kwitumente
yezwekazi le-Afrika (Africa Cup of Nations) ekulindeleke ibe kunyaka ozayo.
Abadlali beNigeria bafike eMzantsi Afrika benenjongo enye jwi: ukuziphindezela kwiBafana
Bafana qha. Kunyaka ophelileyo aBafana Bafana bayibetha ngo’2-0 iNigeria
kumdlalo owawukwidolophi ekuthiwa yi-Uyo. Kwelakhe ucala, uStuart Baxter uthe
yena neqela lakhe abayoyiki konke konke iNigeria. Nakubeni uBaxter ephazanyiswe
kukonzakala kwabadlali abathile ekuqaleni kweveki – kodwa kukhangeleka ngathi
uzimisele ukusebenzisa abadlali abakhoyo.