UKhune ucela into enye kubalandeli beChiefs

Abalandeli beKaizer Chiefs eCape Town Stadium izolo Umfanekiso: Backpage Pics

Ubufede babadlali beKaizer Chiefs obuthe tha okwelanga lehlobo abunxunguphalisi abalandeli beli qela nje kuphela – nabadlali abafana nonozinti, u-Itumeleng Khune, iyabaxhela emphefumlweni lo nto. Lo kaputeni weChiefs ucele abalandeli baMakhosi ukuba babenomonde emva kokukhutshwa kwawo kwiMTN 8.

IiGlamour-boys zibethwe yiCape Town City ngegowuli elinye eqandeni izolo eCape Town Stadium – yaba sisiphelo seChiefs eso kolu khuphiswano.

Igowuli elifakwe nguMatthew Sim lishiye abadlali beeMpofane bethwele izanndla entloko futhi bengakholelwa ukuba baphumile kolona khuphiswano lunemali eninzi kwibhola yelizwe loMzantsi Afrika.

Ubu-athalala nokubhutyuza kwabadlali beChiefs bumshiye uKhune ethe khunubembe ubukhulu becala emdlalweni – kodwa nanjengegqala kwibhola ekhatywayo khange axakwe yeyona nto amakayithethe emva komdlalo.

“Egameni leqela [lilonke] ndifuna ukucela abalandeli ukuba basinyamezele. Izinto azihambi kakuhle okwangoku kodwa iqela elikhuli njengeChiefs lizakubuyela kwisimo salo futhi sizimisele ukubonwabisa abalandeli kwimidlalo ezayo,” utshilo uKhune.

Abalandeli beChiefs bakhathazekile kakhulu futhi abanye bafuna kwenziwe iinguqu. Ukhune uyakuqonda ukukhutshwa kweChiefs kolu khuphiswano ukuba kubakhathaza ngakumbi abalandeli bayo emva kwesizini ka’2015/16 yePSL ephele ingafunamanga nenye indebe.

“Isizini isende kakhulu, kusekho iindebe ezifana neTelkom Knockout neNedbank esizakudlala kuzo. Siyathembisa, sizakwenza ngcono kuzo. Ukukhutshwa kweChiefs kumjikelo wokuqala akwamkelekanga. Akukho nto singayizamanga kulo mdlalo obuphakathi kwethu neCity – kodwa asifumenanga nto, siphoxekile nathi yilonto,” utshilo uKhune.

Nakubeni isizini isaqala kodwa ukubethwa kweKaizer Chiefs kwimidlalo emibini ilandelelana kwiveki enye kuyingxaki, kuyabaxhokonxa abalandeli futhi kubeka uxinizelelo olungaphaya kokuqonda kumqeqeshi uSteve Komphela nabadlali bakhe bebonke.

Umdlalo olandelayo weChiefs useFNB Stadium – apho izakwamkela iPlatinum Stars kumdlalo we-Absa Premier Soccer League ngomhla weshumi elinesine kwinyanga ezayo.