Emva kwexesha elide engadlaliswa, u-Itumeleng Khune, uzibonakalisile kwakhona ukuba usengunozinti ophambili ngokunceda iKaizer Chiefs emdlalweni wanamhlanje. Amakhosi agqithele kwisigaba esilandelayo seMTN8 Cup yodumo emva kokubetha iStellenboch FC ngo’4-3 kumapenela emdlalweni obutshisa eDanie Craven Stadium ngolu rhatya. Umdlalo obunzima, obubukelwe zizihlwele zabalandeli bebhola ekhatywayo, uphele amaqela ebambene ngegowuli elinye macala. Emva kokubethwa yiCape Town City emdlalweni weDStv Premiership phakathi evekini, iChiefs iye emdlalweni wanamhlanje iphantsi koxinizelelo. Umqeqeshi weChiefs, uArthur Zwane, ufake uAshley Du Preez, uSifiso Hlanti noKhune obesoloko ekhalelwa ngabalandeli emidlalweni egqithileyo.
Isiqingatha sokuqala siphele kungekho gowuli ebhodini. Amathuba ebekhona, ingakumbi kwiStellies ebesibhokile kokwaso. Amakhosi asinde amatyeli aliqela kwisabhokhwe sikaJunior Mendieta oyinkathazo kakhulu. Izinto zikhawuleze zajika kwisigaba sesibini. USihle Ndluli usibeke endaweni entle iStellenbosch ngegowuli alifake emva kwempazamo embi eyenziwe nguNjabulo Ngcobo. Emzuzwini wamashumi amathandathu, Amakhosi afumene igowuli lokulinganisa ngebhola efakwe nguDu Preez obekade engumdlali weStellies. Igowuli lenze umahluko ngoba iChiefs ifumene amandla okubambelela kwiStellies ebesikhe sayibetha eDanie Craven Stadium kutshanje.
Nakwelakhe icala uLee Langaveldt bezikhona iibhola ebeziyingozi azichithileyo nakubeni ibinguKhune oxakeke kakhulu emdlalweni wonke. UZwane uwakhuphile amadoda afana noHlanti, uBilliat – kwangena uNkosingiphile Ngcobo, uCole Alexandra noSekgota. Amakhosi abezalise ibala othuke izibili zaphantse zaphuma ngemilomo emva kokuba usompempe enike iStellies ipenela engeyiyo. Emva kokubonisana nabancedisi bakhe, usompempe uye wasiguqula isigqibo sakhe. Umdlalo uye kumapenela emva kokungabikho eliphumeleleyo kwixesha lokuphumla. Amakhosi aphumelele emva kokuba uKhune ebambe amapenela weStellenbosch amabini.
Stellenbosch FC: Langeveldt, De Goede, Basadien, Van Rooyen, Mthethwa, Nduli, Andries, Adams, Mgaga, Mendieta, Van Wyk.
Amalalela: Stephens, Sibiya, Weaver, Jabaar, Titus, Boji, Mngomezulu, Khunyedi, Likuta.
Kaizer Chiefs: Khune, Solomons, Njabulo Ngcobo, Kwinika, Hlanti, Matlou, Sithebe, Sekgota, Dolly, Billiat, Du Preez.
Amalalela: Petersen, Mathoho, Ngezana, Alexander, Nange, Mashiane, Ngcobo, Radebe, Mahlatsi.
UKhoza uthe jize uKaizer Motaung ngesipho esixabisa izigidi ezibini zerandi