UKhune uncoma abalandeli beChiefs

Ukapteni weKaizer Chiefs, u-Itumeleng Khune. Umfanekiso: BackpagePix

Ukapteni weKaizer Chiefs, u-Itumeleng Khune, ubancomile kakhulu abalandeli beqela lakhe abathe balixhasa ngeentsuku zobunzima.

Amakhosi aphakathi anyukele phezulwana emva kokubetha iMaritzburg United ngo’2-0 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League, eFNB Stadium, izolo ebusuku.

Amagowuli empumelelo afakwe nguLorenzo Gordinho noWilliam Twala kwisiqingatha sokuqala somdlalo – kodwa oyena mdlali othe waqaqamba kulo mdlalo nguKhune.

Kuzo zozibini izigaba zomdlalo uKhune ukwazile ukubamba nokuthintela iibhola ezinzima ebekumelukuba zingene.

Ngumdlalo wesibini kule veki esenza umsebenzi omhle. Phakathi evekini wenze ezibukwayo ngethuba iChiefs ibetha iHighlands Park ngo’1-0 kumdlalo wePSL eMakhulong Stadium.

Yonke lo nto uKhune uyibona njengento ebingenokwenzeka ngaphandle kwenkxaso abayifumana kubalandeli bengabadlali.

“Yonke into bekufuneka iqale apha kuthi singabadlali. Siyiqale kakubi isizini – kodwa ndiyabona ukuzithemba kuyakhula noko ngoku kuthi. Abalandeli bayasixhasa ngamaxesha onke. Bekufanelekile ke ukuba sibonwabise ekugqibeleni. Yonke into esiyenzayo, sifuna bona bayonwabele ngoba nabo bayasonwabisa,” utshilo uKhune.