UKhune uthi makuphele ukugqugqisa kweMamelodi Sundowns

Itumeleng Khune ngumdlali weKaizer Chiefs. Umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Ukuba iintetha zika-Itumeleng Khune zibe yinyaniso, ukugqugqisa kweMamelodi Sundowns kwiDStv Premiership kuza kuba yinto yezolo. OkaKhune uzityande igila kwiintsuku ezimbalwa phambi kokuqala kwesizini entsha yeDStv Premiership. Eminyakeni emihlanu yonke ilandelelana, iSundowns ithathe iindebe zeDStv Premiership ezintlanu nezinye. Kanti yona iKaizer Chiefs ikunyaka wesixhenxe ingasafumani ndebe. Yagqibela ukuphakamisa indebe ngonyaka ka-2015 isaphethwe nguStuart Baxter obekhe wabuya waphinda wagxothwa ngenxa yokungaqhubi kakuhle kwayo iChiefs. UKhune uthi iChiefs ivuselelekile phantsi komqeqeshi omtsha, uArthur Zwane, kwaye izimisele ukuyiphelisa idamsese yeSundowns ebholeni yaseMzantsi Afrika.

“Sineminyaka esixhenxe singafumani ndebe. Yinto engaqhelekanga leyo kwiKaizer Chiefs. Thina saziwa njengeqela ekungapheli sizini lingafumenanga ndebe. Ndiyayazi indlela ezifunyanwa ngayo iindebe, okwam ngoku kukukhuthaza abanye abadlali,” utshilo uKhune. Nangona engayidlalanga phantse yonke isizini egqithileyo, uKhune kulindeleke abuyiselwe kwindawo yakhe futhi abe nguKapteni weChiefs. Emva kokuba uZwane ebakhulule abadlali abadala abafana noBernard Parker, uRamahlwe Mphahlele noDaniel Cardoso, umdlali omdala kwiChiefs njengoKhune unoxanduva lokubabonisa indlela abadlali abasakhulayo nabafikayo.

UKhune uthe iChiefs kufuneka iqala ngeMTN8 emva kokugqibela ukuphumelela ngeCarling Black Label ebikade idlala yiChiefs nePirates kuphela. “Siyazi ukuba iSundowns ibigqugqisa eminyakeni emihlanu egqithileyo ukuba ayikho mithandathu. Kule isizini sifumene iziqwayi zabadlali. Ndiyathemba ziza kubuyisa ubunganga beChiefs,” utshilo uKhune. Amakhosi aza kuvula isizini entsha yeDStv Premiership ngomdlalo ophakathi kwawo neRoyal AM emalanga ngoMgqibelo kwibala laseThekwini, iChartsworth Stadium. Ngumdlalo uza kuba sezingeni eliphezulu ngoba Amakhosi afuna ukubuyisa isixhiba emva kokuhlazwa liqela likaMamkhize kwisizini egqithileyo.