UKhune uthi useza kuyidlala ibhola noxa ithe cwaka iChiefs!

Nangona lisemfiliba ikamva kwiKaizer Chiefs – kodwa yena u’Itumeleng Khune ukubeke kwacaca ukuba useza kuqhubela phambili nokudlala ibhola ekhatywayo. Oku ukuthethe emva kokuwongwa kwakhe yiChiefs ayidlalele iminyaka engamashumi amabini anesihlanu.

Ngelishwa kwakhe uKhune, Amakhosi akakwazanga ukumncumisa emva kokuba edlale ntanganye ngeqanda nePolokwane City emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eFNB Stadium. Kuba isimemo besiphume kwangoko evekini, bekukho ithemba lokuba abalandeli baza kuphuma ngobuninzi babo ukuze babe ngamangqina xa iqela labo lisithi ‘Enkosi’ komnye wabadlali abalisebenzele kakhulu.

Umdlalo uqalwe nguBruce Bvuma othathwa njengoyena nozinti ophambili ngoku kwiChiefs – kodwa uKhune, 36, uye wangena emdlalweni kushiyeke imizuzu elishumi elinesihlanu. Ilizwi elikhutshwe yiChiefs lithe iwonga uKhune kuba egqibe amashumi amabini anesihlanu eminyaka engumdlali wayo.

Kodwa lo nto idibene nokuphela kwesivumelwani sikaKhune. Akukacaci ke ngoku nokuba uza kuhlala okanye uza kunikwa onye umsebenzi anokuwenza. “Indlela isende. Siseza kubonana noba sihamba sonke kolu hambo. Oku ayikokuyeka ukudlala ibhola. Iqela lithe lindiwonga kuba ndidibanise iminyaka engamashumi amabini anesihlanu.

“Khange kuthiwe kum ndiyakhululwa. Ndicinga ukuba siza kuhlala phantsi sijonge indlela eyaphambili. Okwangoku, akukho nto eqinisekisiweyo kum. Ndiseza kudlala iminyaka embalwa. Nanini na xa ndinikwe ithuba lokudlala, ndiza kusebenza ngokuzimisela,” utshilo uKhune emva komdlalo ngempelaveki egqithileyo.

Umqeqeshi weChiefs obambeleyo, uCavin Johnson, uthe into ebangele abantu bangayi eFNB Stadium kungenxa kungenxa yeentshukumo zopolitiko njengokuba amaqela ezopolitiko ethe bhazalala egaya ivoti phambi kolonyulo olukwiveki ezayo.

“Besilindele abantu abaninzi – kodwa masijonge okwenzekayo elizweni lethu. Abantu balungiselela ukonyula iinkokeli ezingabanika imali yesibonelelo ethe chatha,” utshilo uJohnson. Lo ngunyaka iChiefs eza kufuna ukuwulibala msinya.

Yagxotha uMolefi Ntseki kwangoko kunyaka ophelileyo ngenxa yabalandeli ababe ngamfuni nalapho anyathele khona. Emva kwakhe khange kubekho kuphucuka kwezinto ngoba iChiefs iphoswe ziindebe, ngaphezulu koko, ayikaqiniseki ngendawo yayo kwiTop 8. Yiminyaka elishumi evisayo ngoku iChiefs ingaphumelelanga ndebe. Lo nto abayithandi abalandeli bayo.