UKhune uzityand’ igila ngeempazamo zakhe kwiChiefs

Edandatheke enjalo, unozinti weKaizer Chiefs, u-Itumeleng Khune, uzityande igila emva kwenye impazamo ebethise iqela lakhe. Amakhosi abethwe yiSuperSport United ngo’2-1 emdlalweni weDStv Premiership eLucas Moripe Stadium kule veki. UKhune uphinde waphisa ngebhola eye yaphelela emnatheni wakhe. Nakwiveki ephelileyo, uKhune wenze impazamo afana ncamashi emdlalweni iChiefs ebambene kuwo ngo’2-2 neBlack Leopards. Ezo mpazamo zibeke olunye uxinizelelo kwiChiefs engaqhubi kakuhle konke konke kule sizini.

“Andazi kwenzeka ntoni, mhlawumbi ndizama kakhulu. Lifikile ixesha lokuba ndibe ngunozinti qha, hayi umntu ongathi udlala phakathi ebaleni,” utshilo uKhune emva komdlalo kwiSuperSport TV. “Into ebibangela ndidlale oluya hlobo kukuba bendizama ukutyala iibhola ezithubeni ezivulekileyo. Bendifuna ibhola siyiqale emva xa sidlala, siyeke iibhola ezibhabha phezulu. Kubi kakhulu ukwenza iimpazamo ezinjeya emidlalweni emibini. Kudala ndiyidlala ibhola, zange ndazenza iimpazamo ezinje,” utshilo uKhune.

Nangani engakabonakalisi zimpawu zakunikezela – kodwa uGavin Hunt uvumile ukuba le isizini, yeyona yakhe yanzima ebomini bakhe oko waba ngumqeqeshi webhola ekhatywayo. UHunt wathatha indawo kaMiddendorp (Ersnt) ekupheleni kwesizini ka-2019/20 emva kokuba iChiefs yaphise ngendebe kwiMamelodi Sundowns. Kwakukho ithemba lesiqalo esibhetele phantsi kukaHunt ongomnye wabaqeqeshi abaphambili ebholeni yaseMzantsi Afrika.

Emidlalweni esixhenxe, iChiefs sele ibethwe kathathu, yadlala ntanganye kathathu yaze yaphumelela kanye. Umqeqeshi ofana noHunt, oqhele ukuphumelela, ayimonwabisi lo nto – kodwa kuyanyanzeleka aginye nokuba kuyakrakra ngoba abadlali bakhe abakwazi ukusebenzisa amathuba emidlalweni. Ngoku iChiefs iza kuzama ukuphumelela xa idibana neBloemfontein Celtic emdlalweni oya kube useFNB Stadium ngo-18:00 ngoMgqibelo.

Imidlalo yePSL:

Lwesihlanu: Maritzburg United vs Stellenbosch @Harry Gwala Stadium, 20:00

Mgqibelo: Baroka vs SuperSport United @Peter Mokaba Stadium, 15:30; Golden Arrows vs Mamelodi Sundowns @Sugar Ray Xulu Stadium, 15:30; Cape Town City vs TS Galaxy @Cape Town Stadium, 18:00

Cawa: AmaZulu vs Chippa United @Kings Park Stadium, 15:30; Black Leopards vs Swallows @Thohoyandou Stadium, 15:30