Ukhusele abadlali kwade kwasekugqibeleni uKomphela

Umqeqeshi weKaizer Chiefs uSteve KomphelaUMFANEKISO: OSELUGCINWENI

Iziphumo zomdlalo weNedbank ibe sisiphelo sikaSteve Komphela njengomqeqeshi weKaizer Chiefs.

Amakhosi abethwe ngo’2-0 yiFree State Stars kumdlalo obuseMoses Mabhida Stadium.

UKomphela yindoda esebenze ngokuzimisela nangona maxa wambi ephoxwe ngabadlali – kodwa into ayenze kwade kwasekugqibeleni kukukhusela abadlali bakhe. Iisizini ezintathu ziphelile engafumenanga ndebe, kodwa zange abasole abadlali bakhe nangosuku olunye.

Umqeqeshi onjalo ebefanelwe kukulwelwa ebaleni ngabadlali, kodwa abakwazanga abeChiefs. Akukho nto angayizamanga uKomphela ngethuba eqeqesha iChiefs.

Zininzi nezinto ezimehleleyo ezama impumelelo, zonke ezo zinto uzixhome emagxeni wakhe kuquka nomsebenzi ongagqibelelanga owenziwe ngabadlali bakhe.

Iindlavini zabalandeli zimbonzeleke ebaleni eMoses Mabhida Stadium kwiveki ephelileyo zonzakalisa ishumi elinesibhozo labantu.

Ingqumbo yabalandeli iphenjelelwe kukungaqhubi kakuhle kweChiefs – ingakumbi emva kokukhutshwa kwiNedbank Cup, ebilithemba lokuxolisa abalandeli phambi kokusongwa kwesizini.

UKomphela uzamkele iziphumo zomdlalo emva kokuba abadlali bakhe bebenelishwa lokungayifaki ibhola emnatheni nangona amathuba bebewafumene.

“Kubalulekile ukuphelisa lo mkhwa mbi siwubonayo ngokuthi ndibe yinxalenye yesisombululo. Ukuba isisombululo kukungabikho kwam apha, kulungile,” utshilo uKomphela emva komdlalo.

Ekuqaleni kwale veki, iChiefs ichonge uPatrick Mabedi njengomqeqeshi obambeleyo logama ikhangela umqeqeshi omtsha.

Kwiminyaka edlulileyo, uKaizer Motaung wayeke waxelela iintatheli ukuba bambalwa abantu abanokuqeqesha iChiefs apha eMzantsi Afrika.

Intetho yakhe zange ihlale kakuhle ebantwini balapha. Wabonwa njengomntu ongafuniyo ukunika amathuba abaqeqeshi basekhaya.

Ukuqesha kwakhe uKomphela yabonakala njengendlela ebonisa ukuswaya kwingcingane yakhe – kodwa ukungaqhubi kakuhle kukaKomphela kunokwenzeka kunyanzele uMotaung ayokukhangela umqeqeshi ngaphandle kwelizwe.

Uvumile naye uKomphela ukuba ukungakwazi kwakhe ukuzisa iindebe eNaturena kungavalela abaqeqeshi balapha eMzantsi Afrika kwiChiefs.