UKlate ufuna ukubangula italente eBhayi

UDaine Klate ngumqeqeshi weqela leChippa United elidlala kwiMultiChoice Diski Challenge emva kokubeka phantsi ebholeni ekhatywayo umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Emva kokudlala ibhola ekhatywayo iminyaka elishumi elinesihlanu kwinqanaba eliphezulu eMzantsi Afrika, uDaine “Matatazela” Klate, ubeke phantsi njengomdlali webhola.

UKlate wenze isaziso kwikhasi lonxibelelwano, uTwitter, kwiveki ephelileyo. Omnye wabadlali abaqaqambileyo obeke phantsi ekupheleni kwesizini yePSL ka2018/19 nguSiyabonga Nomvete obedlalela AmaZulu FC.

Phambi kokuyeka ukudlala ibhola ekhatywayo, uKlate ubuyele endaweni awazalelwa kuyo eBhayi – apho adlalele khona iChippa United.

Amaqela azibonakalise kuwo uKlate aquka iSuperSport United eyamnika ithuba lokuba ngumdlali webhola kwinqanaba eliphezulu, iOrlando Pirates, iBidvest Wits phambi kokuza kwiChippa.

Le ndedeba yaseBhayi iphumelele inqwaba yeendebe zePSL ezintandathu, iNedbank Cup kathathu, iMTN8 kwaneTelkom Knockout ayiphumelele kabini.

UKlate, 34, wagqama kakhulu ngethuba edlalela iSuperSport United eyenza imbali ngokuphumelela indebe yePSL izihlandlo ezithathu zilandelelana phantsi kukaGavin Hunt. Akuphelelanga apho ngoba ulidlalele neqela lesizwe loMzantsi Afrika.

“Sekulithuba elide ndikucinga ukuyeka ukudlala ibhola. Bendisenawo amandla okuyidlala ibhola kodwa ndigqibe kwelokuba ndibeke phantsi,” utshilo uKlate.

Kwakwiveki ephelileyo, iChippa inike uKlate uxanduva lokuqeqesha iqela labadlali abasakhulayo abadlala kwiMultiChoice Diski Challenge.

Kulapho aza kufumana ithuba lokuvelisa abadlali abatsha abanokwenza ngaphezulu kunaye emva kokuyeka ibhola engomnye wabadlali abambalwa abaphumelele iindebe zePSL ezininzi eMzantsi Afrika.

Enye into ekulindeleke ayenze kukusebenzisana noClinton Larsen ongumqeqeshi oyintloko kwiChippa United.

Ukuqala kwakhe ubomi obutsha yinto ayilungiseleleyo uKlate. Ngokwengxelo yamajelo eendaba, uMatatazela sele ezenzile izifundo zokuqeqesha phantsi kweIrish Football Association. Ithuba lokuqeqesha abadlali abasakhulayo alinikwe yiChippa ulamkele ngezandla zozibini uKlate kwaye uzimisele ukubangula italente eBhayi.

“Akukho nto endingayifumenanga ebholeni. Ngoku ndifuna ukujongana nomsebenzi wam omtsha,” utshilo uKlate emva kokudlala ishumi elinesine lemidlalo kwiChippa kwisizini ephelileyo.