UKnox Mutizwa wonzakalise iChiefs phambi kwabalandeli bayo eLimpopo

USiyabonga Ngezana weKaizer Chiefs esukelana noKnox Mutizwa weGolden Arrows emdlalweni weDStv Premiership obusePeter Mokaba Stadium namhlanje emalanga. Umfanekiso: ©Sydney Mahlangu/BackpagePix

Zichontsiza igazi iintliziyo zabalandeli beKaizer Chiefs emva kokuba iqela labo lonzakaliswe nguKnox Mutizwa emdlalweni weDStv Premiership. Oku kulandela ukubethwa kweChiefs ngamagowuli amathathu kwamabini yiGolden Arrows ehambe emva izihlandlo ezibini ePeter Mokaba Stadium emalanga namhlanje. Agqagqanise okomgqakwe ugoduka Amakhosi afumana igowuli kwangoko kakhulu kwisigaba sokuqala. Igowuli lawo lifakwe ngumdlali wasemva, uSifiso Hlantsi, ngentloko emva kokufumana ibhola ebisuswe ngobuchule nguKeagan Dolly ekoneni ngomzuzu wesibhozo.

Emva koko Amakhosi awulawule umdlalo futhi adala intaphane yamathuba angakwazanga ukuwasebenzisa. Balwile nabo Abafana Bes’thende bade bafumana igowuli lokulinganisa elifakwe nguNtsako Makhabela onikelwe ibhola entle nguKnox Mutizwa obeyinkathazo kwisigaba sokuqala somdlalo. Kuyiwe kwixesha lokuphuma entanganye amaqela ebhodini.

Amakhosi ebenawo amathuba okufaka amagowuli amaninzi futhi awusonge nomdlalo kwa kwisigaba sokuqala ngoba iGolden Arrows ibisenza iimpazamo emva. Kwisigaba sesibini, iChiefs iphinde yakhokela ngamagowuli amabini kwelinye emva kwegowuli elifakwe nguMduduzi Shabalala – ifolosi edlale kakuhle kakhulu namhlanje kodwa eye yakhutshwa nguArthur Zwane.

Khange kube kudala kakhulu, uMutizwa ufake igowuli lesibini leGolden Arrows emva kokuba iChiefs ingakwazanga ukuchitha ibhola emhlabeni kanozinti. Emva komzuzu, uMutizwa ufake igowuli lakhe lesibini emdlalweni yatsho yakhokela iGolden Arrows eye kwiChiefs ingaqhubi kakuhle. Akukho nto ibethise iChiefs njengokungakwazi ukusebenzisa amathuba. Nokudlala kakubi kwayo emva – kodwa kuyakwazi ukusithwa kona xa iqela likwazi ukufaka amagowuli. Iqela likaZwane liza kwamkela i’Orlando Pirates liqwalela – kodwa akukho bani waziyo okuza kwenzeka ngoMgqibelo ngomhla womdlalo.