UKolisi ufunw’ebaleni nguRassie Erasmus

USiya Kolisi uza kuba yinxalenye yaMabhokobhoko xa edlala neArgentina emalanga ngoMgqibelo

Njengokuba kushiyeke iiveki ezimbalwa phambi kokuqala kweNdebe yeHlabathi yombhoxo, umqeqeshi waMabhokobhoko ufuna uSiya Kolisi adlale ngempelaveki.

UKolisi unethuba elide engasawudlali umbhoxo ngenxa yokonzakala nangona ekhe wayidlalela iWestern Province kwiveki ephelileyo.

Amabhokobhoko amkela iArgentina emdlalweni obalulekileyo eLoftus Versveld Stadium emalanga ngoMgqibelo.

URassie Erasmus uza kumdlalisa uKolisi ngoba ungomnye wabadlali bakhe ababalulekileyo njengokuba esiya eJapan kwinyanga ezayo neqela lakhe.

“Asingeke simfake emdlalweni wovavanyo ngokukhawuleza kodwa kufuneka simdlalise ngoba siyamfuna kwiNdebe yeHlabathi,” utshilo uErasmus.

Amabhokobhoko agaleleke ekuqaleni kwale veki emva kokuvuthulula iArgentina ngo’46-13 phambi kwabalandeli bayo eSalta.

Indlela yeSpringbok eya kwitumente yehlabathi ikhangeleka intle kakhulu emva kokuswantsulisa amazwe omeleleyo afana neNew Zealand, iAustralia neArgentina kwimidlalo yeRugby Championship esiyiphumelele kwiveki ephelileyo.

“Khange ave nto ibuhlungu uSiya emdlalweni awudlale kwiveki ephelileyo.

Nakanjani, uza kudlala ngempelaveki kodwa ngeke awugqibe umdlalo ngoba simlungiselela itumente yehlabathi.

Asifuni ukumxhesha,” utshilo uErasmus ethetha ngoKolisi oye enkampini ngoMvulo.

Ukuba izinto aziguquki, abadlali abafana noWhiteley, uWillemse noAphiwe Dyantyi kunokwenzeka baphoswe lithuba lokuya kwitumente yehlabathi ngenxa yokonzakala.

Kodwa ingathi ukhona umdlalo angawudlala uDyantyi kwiveki ezayo, lo nto ingamnceda ukuba ingenzeka phambi kokukhethwa kwabadlali abaya eJapan.

“Asikwazi ukuya kwiNdebe yeHlabathi nomdlali ongakhange adlale.

Siza kuthatha izigqibo ezinzima kwiintsukwana ezizayo.

Sizimisele ukubaxuba abadlali emdlalweni wangempelaveki kodwa liza kuba luqilima.

Kubalulekile kuthi ukugcina umgangatho uphezulu futhi sidlalele nokuphumelela njengokuba ingumdlalo wethu wokugqibela phambi kokuya eJapan,” uvale ngaloo mazwi uErasmus ekuqaleni kwale veki.