UKomphela akumkhathazi ukubethwa yiBaroka FC

Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uSteve Komphela, uthi kukho izinto azaphawuleyo kumdlalo iqela lakhe elibethwe kuwo ngabatshakazi bePremier League – iBaroka FC.

Amakhosi abethwe yiBaroka ngo’3-0 kumapenela izolo kumdlalo wetumente ebizwa ngokuba yiF.A.M.E Charity Cup izolo.

Umdlalo uphele ebambene ebambene ngeqanda la maqela, kuye kwanyanzeleka kukhatyelwe ezipalini – kulapho igqwese khona ke iBaroka FC.

Unozinti weli qela laseLimpopo, u-Oscarine Masuluke, uvale iibhola zantathu ezikhatywe ngabadlali abathenjiweyo kakhulu kwiChiefs abafana noWillard Katsande, William Twala noGeorge Maluleka.

Lo ibingumdlalo wesibini obhadlileyo odlalwe yiChiefs kumalungiselelo wayo wesizini entsha.

Kwiveki ephelileyo amakhwenkwe kaKomphela anconywe kakhulu emva kokubetha i-Orlando Pirates ngo’2-0 kumdlalo weCarling Black Label eFNB Stadium.

IBaroka, ezakudlala isizini yayo yokuqala kwiPSL kule nyanga, khange iyicenge konke konke iChiefs kulo mdlalo.

Ayimkhathazi lo nto kodwa uKomphela ngoba le midlalo uyithatha njengemidlalo yokubangula iimpazamo phambi kwesizini entsha.

“Sibethwe kumapenela kwaye akukho nto endinoyithetha ngaphandle kokuthi umdlalo bekufanele ukuba siwuphumelele kwimizuzu engamashumi asithoba omdlalo. Besinawo amathuba okufaka amagowuli – kodwa asikwazanga ukufaka ibhola emnatheni,” utsho uKomphela.

“Lo ibingumdlalo wokuzilungiselela isizini entsha, bonke abadlali bafumene ithuba lokolula imilenze yabo. Zikhona izinto esiziphawuleyo ekufuneka sizilungise. Siyafunda kwimidlalo yonke. Kwimidlalo enje kulapho abadlali kufuneka bafundane kuyo. Siyathemba xa kuvulwa isizini sakube siyilungele. Oko singakwenza ngokuthi sidlale imidlalo,” utsho uKomphela.

Baroka XI: Masuluke, Lietsisa, Shaku, Mahashe, Mothupa, Zikalala, Soso, Jwara, Junetsi, Matete, Mogale.

Chiefs XI: Khuzwayo, Moleko, Masilela, Gordinho, Mphahlele, Katsande, Twala, Maluleka, Macha, Parker, Lebese.