Imidlalo yeDStv Premiership isamile okwethutyana ngoba kule mpelaveki kuqala isiqendu esitsha seMTN8 Cup. Phakathi kwemidlalo ejongwe ngamehlo abomvu ngabalandeli bebhola ekhatywayo ngulowo uphakathi kweMoroka Swallows neMamelodi Sundowns ngentsimbi yesithathu emalanga ngomso eLucas Moripe Stadium. Okwenza umdlalo ube nomtsalane kukuba iSwallows iqeqeshwa nguSteve Komphela ochithe iminyaka engaphezulu kwesibini elisekelamqeqeshi kwiSundowns. Kanti yona iSundowns iphantsi kwesandla sikaRulani Mokwena okhulele phantsi kwesandla sikaKomphela. Omabini la madoda ngoongqondongqondo bebhola ekhatywayo eMzantsi Afrika. Uxinizelelo lukuKomphela ngoba abantu balindele ukubona ukuba uza kuqhuba njani na xa edibene neqela alaziyo.
Noxa iSwallows iseliqela elisakhiwayo emva kokusokola kwisizini egqithileyo – kodwa abalandeli bafuna ukubona izinto ziphucuka. Ukuqhuba kakuhle kwiMTN8 ingalinyathelo lokuqala lokubona umgama oza kuhanjwa yiSwallows etyikitye abadlali abasemgangathweni ophezulu abafana noGabadinho Mhango, Andile Jali noDumasani Zuma. UKomphela usakhangela impumelelo yakhe njengomqeqeshi weSwallows. Umbuzo: Angayifumana kwiSundowns na? Akukho bani owaziyo, yonke into iza kucaca emva komdlalo wamaqela aphambili eMzantsi Afrika. “Ikhona into ekhethekileyo eza kuza neSundowns emdlalweni ngoba ndiqinisekile ukuba ikhe yasibukela ngokuya besidlala neCape Town City,” utshilo uKomphela kwindibano ekuphehlelelwe kuyo itumente yeMTN8.
“Baza kujonga indlela esihlasela ngayo nendlela esiqubisana ngayo neefolosi. Ndiyazazi zonke izinto ngabadlali nendlela abawulungiselela ngayo umdlalo,” utshilo uKomphela, onikwe uxanduva lokubiyisela iSwallows kwindawo ehloniphekileyo. Uvumile uMokwena ukuba uKomphela uyalazi iqela lakhe watsho esithi kodwa iingqondo zabo bazibeke emdlalweni abajongene nawo beliqela. “Umqeqeshi weSwallows usazi kakuhle – kodwa endingakutsho kukuba ibhola idlalwa ebaleni. Ndisoloko ndisitsho mna, ibhola yeyabadlali ebaleni. Kumashumi alithoba emizuzu, kufuneka sizijule kuyo iSwallows. Umdlalo wona uza kunika umdla – kodwa sifuna ukwenza umsebenzi ukuze sidlulele phambili. Ndisengumqeeshi wePirates, ndakhe ndadibana naye eqeqesha iGolden Arrows phambi kokuba sidibane kwiSundowns,” utshilo uMokwena.
Ubomi ejele kutata owadlwengula unyana wakhe ona-8