Ukuqeqesha iKaizer Chiefs yinto enzima kakhulu, kufuna indoda enyamezelayo xa izinto zingahambi kakuhle, uSteve Komphela uyayazi lo nto. Amakhosi anemidlalo esondela eshumini ayidlalileyo ngaphandle kwempumelelo.
Iyabacaphukisa lo nto abalandeli ngoba kuhlekiswa ngabo kumakhasi onxibelelwano – kodwa yena uKomphela uthi akazunikezela nokuba kunzima kangakanani. Abalandeli baphinde bamhewula umqeqeshi bebonisa ingqumbo yabo emva kokuba iChiefs ibambene ngo’0-0 neBloemfontein Celtic kumdlalo we-Absa Premier Soccer league eFNB Stadium izolo ebusuku.
Izikhulu zeChiefs zitye tyum – kodwa bona abadlali abafana noSiphiwe Tshabalala, Itumeleng Khune noBrilliant Khuzwayo bayamthethelela umqeqeshi wabo.
Eyona ngxaki yeChiefs eqaqambileyo kukuphosa amathuba emidlalweni. Akukho folosi angayizamanga uKomphela, kodwa akuvumi tu.
Into abayenzayo ngoku abalandeli bagxogxa umqeqesh ngeebhotile zepulastiki oko xa iChiefs ingaphumelela. Ngumdlalo wesithathu lo uKomphela ephuma ngezipha zemicinga ebaleni.
Ethetha emva kokuphuma ebaleni ekhuselwe ngamagosa omthetho, uKomphela uthe akanawo amazwi okuphendula abalandeli abafuna emke kwiChiefs.
“Andazi nokuba kulungile ukuthetha kuba kukho umnqweno othile wabalandeli. Abantu abaphumelelayo ebomini abanikezeli,” utshilo uKomphela kwiintatheli izolo.
Lo mqeqeshi uyibeke yacaca into ethi akafuni kuphendulana nabalandeli – kodwa wabacela ukuba baxhase abadlali ukuze izinto zizoguquka.
“Kufuneka ndilumke xa ndithetha nabalandeli ngoba umcimbi wabo ubuthathaka. Into endiyokuyithetha emalunga nemeko esikuyo ngoku yile: Ndiyabacela abalandeli mabahlale bebaxhasa abadlali. Nditsho kuba inkxaso yabo yiyo ezakubuyisela ukuzithemba ebadlalini. Isigaba sokuqala sesizini asikapheli – kodwa kwaChiefs asithethi lo nto, kufuneka siphumelele imidlalo qha,” utshilo uKomphela.
Nangona ebonakala exakiwe naye umqeqeshi kodwa yena utshilo izolo ukuba udiniwe yimidlalo ephela bebambene kuyo namanye amaqela. Ukuba kuphela lo nyaka izinto zingaguqukanga, abaphathi banganyanzeleka baxoze mphini wumbi. Amakhosi afince isizini ka’2015/16 engafumenanga nenye indebe, into enqabileyo kuwo.
Umqeqeshi weSundowns uncoma uLucas Ribeiro owonzakalise iPirates