UKomphela ugxeka ingca embi yaseFree State Stadium!

Jacky Motshega of Bloemfontein Celtic and Hendrick Ekstein of Kaizer Chiefs during the Absa Premiership 2017/18 game between Bloemfontein Celtic and Kaizer Chiefs at Free State Stadium on 20 August 2017 © Frikkie Kapp/BackpagePix

Umqeqeshi weKaizer
Chiefs ugxeke ingca yeFree State Stadium njengoyena nobangela wokungaphumeleli
kweqela lakhe namhlanje. USteve Komphela ukuthethe oku emva kokuba iKaizer
Chiefs ibambene ngo’1-1 neBloemfontein Celtic kumdlalo we-Absa Premier Soccer
league ngale njikalanga. Nangona Amakhosi ibingawo alawule umdlalo kwisigaba
sokuqala futhi likhona ithuba lokuwusonga umdlalo – kodwa akakwazanga ukudlala
ngokukhululekileyo kwibala eliqhele ukusetyenziswa ngamaqela adlala ubhoxo
nebelibonakala ukuba linendawana ezimbi. Kwisigaba sokuqala, ngu-Eric Mathoho
ofake igowuli leChiefs ngentloko.

Kwisigaba sesibini
iCeltic ibuye inamandla futhi kubonakala ukuba ifuna igowuli lokulinganisa. Emva
kokubhutyuza kwabadlali beChiefs kumhlaba ombi – iCeltic ifumene ipenela eyivalele
emnatheni. Ukusukela ngoko abadlali beChiefs abakwazanga ukudlala umdlalo
ocacileyo. Ukuhlasela kwabo bekungahambelani okanye bekungathembisi kwaphela.
UKomphela uxelele umsasaze weSuperSport TV okokuba ingca ivimbe abalandeli
bebhola ithuba lokubona umdlalo omhle.

“Bendisoloko
ndicinga ukuba singadlala kweli bala. Ndibavile abaqeqeshi bekhala ngalo,
kulilishwa ngoba siphoswe kukubona ibhola entle,” utshilo uKomphela emva
komdlalo.

“Ndicinga
okokuba abantu abalungisa ibala kufuneka bayichele ingca yeli bala ukuze
amaqela abenokukwazi ukudlala ibhola engcono. Ngoku amaqela kuyanyanzeleka bakhabe
nje ibhola abadlali, asiyidlali kanjalo ke ibhola kwiChiefs. Abadlali bebengakwazi
ukubaleka nebhola ngoba ingca ibimbi,” utshilo uKomphela.

Yona iMaritzburg United ifumene amanqaku amathathu kumdlalo wayo wokuqala kule sizini ngokubetha iPlatinum Stars ngo’2-0 eRoyal Bafokeng Stadium ngale njikalanga. Le mpumelelo alibeka phakathi kwamaqela aphambili kwiPSL iqela likaFadlu Davids.