UKomphela ujonge isizini ezayo

Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uSteve Komphela, ufunge wamunca iintupha ngelithi ukuba iMamelodi Sundownds iyayithatha indebe yePSL kule sizini, iqela lakhe lizakubuya ngamandla kwisizini ezayo.

Oku uKomphela ukuthethe emva kokuba Amakhosi ekhe phantsi isitya sigcwele kumdlalo obuseLoftus Stadium, apho iSundowns iphumelele ngo’3-1. Nangona iqela likaKomphela liphulukene nawo lo mdlalo, ibililo elifumene igowuli kuqala, kwaye liwulawula umdlalo.

UPitso Mosimane uthe, akakuthandi ukuzuza impumelelo xa iqela lakhe lidlala nabantu athi ngooBhuti bakhe. “Into esidibanisayo iyakuhlala ikhona kodwa kuninzi okusesichengeni xa umele abalandeli abaninzi njengabeChiefs. Siza- kubuyela ebhodini kwakhona, silungise iimpazamo zethu. Ndinethemba lokuba sakuthi senze ngcono kwilixa elizayo,” utshilo uKomphela.

Lo kaKomphela uvumile ukuba iDowns iphumelele, kodwa wathi iqela lakhe libethwe kukungazithembi emva kokuwuqala kakuhle umdlalo.