UKomphela ukhalela ukuhamba kukaLebese

UGeorge Lebese ongumdlali weMamelodi Sundowns umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Emva kwexesha elide kukho amahum-hum ngokuhamba kukaGeorge Lebese kwiKaizer Chiefs, ude wahamba kwiveki ephelileyo. Uthathwe yiMamelodi Sundowns eneminyaka imgacele.

Ukuhamba kwalo mdlali akumphathanga kakuhle uSteve Komphela – kodwa uye wanyamezela ngoba yinto efunwe ngumdlali. ULebese wawubeka wacaca kuTwitter umnqweno wakhe wokuya kwiqela elizakumdlalisa kwisizini entsha.

Amasandawana akhawuleze enza umtsi kwakucaca okokuba uLebese akasakufuni ukudlalela Amakhosi. Kwezi sizini zimbini uLebese akasetyenziswanga kakhulu nguKomphela, kubonakala ukuba yiyo lonto ebangele ukuhamba kwakhe.

“Akululanga ukuphulukana nomdlali onjengoLebese. Wafika emncinci kwiChiefs, wachitha iminyaka esithoba yonke. Ziyenzeka ezi zinto ebholeni, simnqwenelela okuhle,” utshilo uKomphela.

Ukufika kukaLebese ziindaba ezimnandi kakhulu kuPitso Mosimane ngoba ngomnye wabadlali awamfuna efika kwiSundowns kwiminyaka eyadlulayo. Kwiveki ephelileyo uLebese udlale umdlalo wakhe wokuqala kwiDowns ebethwe kuwo yiMaritzburg United ngo’1-0 eLucas Moripe Stadium kwaye noPitso uye woneliseka.

“Saqala iingxoxo ngoLebese neqela ebelidlalela kwiminyaka emine eyadlulayo – kodwa izinto zange zihlangane ngoko. Kufezeke iphupha likaPitso ngokufumana kwakhe uLebese no-Oupa Manyisa,” utshilo uThulani Thuswa.

Iingxelo zithi iDowns ikhuphe imali engaphaya kwezigidi ezintathu (R3.5 Million), ukanti iindaba ebezisithi uMzikayise Mashaba angaya kwiChiefs ziphelele emoyeni.

“Simthengile uLebese, akukho sivumelwano esithi iChiefs izakufumana abadlali. Akekho futhi nomdlali ozakuya kwi-Orlando Pirates,” uyibethelele lo nto uThuswa.

ULebese noManyisa sebebhalisiwe nakwiCaf kwaye kubonakala ngathi bazakuba yinxalenye yeqela likaPitso athembele ngalo kulo nyaka.

IDowns izakuvula isizini entsha yePSL neSuperSport United kumdlalo ozakube useLucas Moripe Stadium ngo’15:00 ngoMgqibelo.