UKomphela umqhwabele izandla uSangare

Rooi Mahamutsa and Ali Sangaré of Free State Stars and Hendrick Ekstein of Kaizer Chiefs during the Absa Premiership 2017/18 game between Free State Stars and Kaizer Chiefs at Goble Park, Bethlehem on 4 April 2018 © Frikkie Kapp/BackpagePix

Umqeqeshi
weKaizer Chiefs, uSteve Komphela, umqhwabele izandla unozinti weFree State Stars
owenze umsebenzi omhle kakhulu izolo. UBadra Ali Sangare uvale iibhola
eziliqela kumdlalo we-Absa Premier Soccer League obuphakathi kweChiefs neFree
State Stars kwibala laseFNB Stadium. Amakhosi alele encumile izolo emva kokubetha
iStars ngegowuli elinye (1-0) elifakwe nguTeenage Hadebe ngentloko sekuphele
nexesha elongeziweyo emdlalweni. Ukuba u-Ali Sangare ebengenzanga migudu
ethintele iChiefs – ngekuthethwe enye into kubusuku bayizolo. UKomphela ubone
kunyanzelekile ukuba aphawule ngalo nto ngoba ngoyena mdlali obexabe endleleni
yeChiefs eya empumelelweni.

“Ndakube
andenzi bulungisa ukuba andiyincomi
iFree
State
Stars. Ilwile futhi
bekunzima kakhulu ukuyibetha. Unozinti wayo wenze umsebenzi oncomekayo kakhulu.
Naye kwelakhe icala uKhune (Itumeleng) udlale kakuhle kakhulu. Asikwazanga
ukusebenzisa kakuhle uRyan Moon noLeonardo Castro kwisigaba sokuqala. Imo
yezulu xa imbi kufuneka ungazenzi nzima izinto ebaleni,” utshilo uKomphela.

Amakhosi
noKomphela baphantsi koxinizelelo olumandla ngenxa yabalandeli abacatshukiswa
kukunqaba kweendebe eNaturena. Nangona kwiPSL iChiefs ingenalo ncam ithuba elicacileyo
lokuyiphumelela indebe – kodwa uKomphela namasoja wakhe bazimisele ukulwa kude
kube sekugqibeleni. “Enye yezinto esizifunayo kukubona abantu bonwabele ibhola
ekhatywayo. Sizamile ukuyenza lo nto – kodwa unozinti (weFree State Stars)
usithintele. Kukho ibhola ayibambileyo ebikhatywe nguCastro noParker. Yiyo lo
nto eye wangoyena mdlali oqaqambileyo emdlalweni,” utshilo uKomphela emva
komdlalo kwiSuperSport TV.

Amakhosi
abuyela enkomeni kwakhona ngoMgqibelo emalanga xa esamkela iChippa United
ebethwe yiMamelodi Sundowns ngo’2-0 kumdlalo wayizolo. Lo mdlalo ophakathi
kweChiefs neChippa uzakube useFNB Stadium. Kumdlalo wokuqala kunyaka
ophelileyo, iChippa United yayibetha iChiefs ngo’1-0 kumdlalo owawuseBhayi. Kulo
mdlalo ongale mpelaveki, iChiefs iza kukhangela indlela yokuziphindezela
kwiChippa ezama ukungena kwiTop 8 phambi kokuphela kwale sizini.