UKomphela uthembisa ngeenguqu kwiKaizer Chiefs ngo-2018

Umqeqeshi weKaizer Chiefs uSteve Komphela umfanekiso: Aubrey Kgakatsi/BackpagePix

Le yiveki yokugqibela kumaqela adlala kwiPSL. Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uSteve Komphela, uthembisa abalandeli ngelithi kwakubangathi litsha iqela lakhe xa kukhululeka abadlali abebenzakele ekuqaleni kwale sizini.

Kodwa kwanga xeshanye kulindeleke ukuba angene kakhulu emakethe – apho kulindeleke athenge abadlali abanokuhlangula iChiefs ehlazweni lokungafumani iindebe.

Amakhosi aneminyaka emibini engafuni ndebe, lo nto imhlaselise ngabalandeli kakubi uKomphela ngoba abayiqhelanga.

Kule sizini amaqela ayasokola kwicala lokuphumelela imidlalo ilandelelana ngenxa yokunqaba namagowuli.

Amakhosi ahleli kwindawo yesithathu kwiPSL, ashiywa ngenqaku elinye yiMamelodi Sundowns – kodwa esenemidlalo esandleni.

Ekuqaleni kwale sizini iChiefs iphulukene noRamahlwe Mphahlele, Tsepo Masilela, Sibusiso Khumalo noKgotso Moleko ngenxa yokwenzakala.

Ukungabikho kwaba badlali kuwenze nzima umsebenzi kaKomphela ngoba baziintsika kwiChiefs.

“Abantu mabangalibali ukuba siyasokola xa sidibanisa isikim ngamanye amaxesha ngenxa yokwenzakala kwabadlali bethu. Okuhle ngoku kukuba bayabuya kunyaka ozayo. Kuzoba ngathi kuthengwe abadlali abatsha. Lo nto izakwenza ndideke apha engqondweni, le nto ndiyifunayo,” utshilo uKomphela.

Lo kaKomphela nabadlali bakhe banethemba lokuzuza amanqaku amathathu xa iChiefs isamkela i-Ajax Cape Town kumdlalo wePSL ngo’20:15 eMoses Mabhida Stadium ngoMgqibelo.

Ngumdlalo wokugqibela kulo nyaka, kuyanyanzeleka iChiefs iphumelele ukuba ifuna ukuhlala kwindawo ephambili kwiPSL.