UKomphela uthi int’emnandi iyaphindwa!

Umdlali wasesiswini, uAndile Jali, weMamelodi Sundowns engqongwe ngabadlali beGolden Arrows emdlalweni obubanjelwe eSugar Ray Xulu Stadium kutshanje

Umqeqeshi weGolden Arrows, uSteve Komphela, uthi into emnandi iyaphindwa.

Lowo ngumnqweno wakhe njengokuba Abafana Bes’thende beza kwamkela iMamelodi Sundowns emdlalweni weTelkom Knockout ekulindeleke ube nomtsalane eSugar Ray Xulu Stadium ngentsimbi yesithathu ngoMgqibelo.

Iqela likaKomphela liye emdlalweni weTelkom Knockout ukuzithemba kuphezulu ebadlalini emva kokubetha iMamelodi Sundowns ngo’3-2 emdlalweni weAbsa Premiership kwiveki engaphaya kwephelileyo.

Kwisizini ephelileyo, uKomphela, waphucwa ithuba lokulwela indebe yeNedbank emva kokuba iGolden Arrows yabethwa yiTS Galaxy eziintshatsheli.

Ukuba iqela lakhe uKomphela lingabetha iSundowns emdlalweni wangempelaveki, uza kufumana elinye ithuba lokuphumelela indebe yakhe yokuqala njengomqeqeshi kwiPSL.

Akululanga ukubetha iGolden Arrows phantsi kukaKomphela kwaye indlela edlala ngayo kule sizini iphucukile.

Ukufikelela kwindawo ekuyo kwiTelkom Knockout akothusi ngokuba abadlali bayo badlala ngokukhulu ukukhuthala.

Indlela abalwe ngayo emdlalweni ababethe kuwo iSundowns iyabonisa ukuba bazimisele ukwenza ngcono kule sizini.

UKomphela uthi ukuzithemba kokona kwenza umahluko kwindlela eliqhuba ngayo iqela lakhe.

Ethetha ngokudlala neSundowns emdlalweni weTelkom, umqeqeshi wathi: “Kukhangeleka ngathi singafumana amawele futhi. Sidlale kabini nePolokwane City, saphinda sadlala kabini neSuperSport United. Masithembe ukuba uThixo uya kusipha impumelelo,” utshilo uKomphela.

Amasandawana aya kuBafana Bes’thende equle aligangatha. Abadlali abafana noThemba Zwane okhe wakhathazwa kukonzakala, uphilile ngoku.

UPitso Mosimane ucatshulwe ngamajelo eendaba esithi iqela lakhe liza kuya ngamandla alo onke emdlalweni.

“Ndinganiqinisekisa, siza kulwa emdlalweni. Sikwamkele ukubethwa yiArrows. Sisoloko sihamba nzima xa siye kuyo kodwa lo nto ayithethi ukuthi siliqela elingadlali kakuhle. Siza kuzama kwakhona,” utshilo uMosimane.

ISundowns iya kufumana ithuba lokuphakamisa indebe yeTelkom okwesibini phantsi kukaJingles emva kokuyiphakamisa ngo2015 eThekwini – apho yabetha khona iKaizer Chiefs.

pedro.mapelo@inl.co.za