UKomphela uzityand’igila ngekamva lakhe kwiKaizer Chiefs

Steve Komphela, coach of Kaizer Chiefs talking to players during the Absa Premiership 2017/18 match between Kaizer Chiefs and Platinum Stars at FNB Stadium, Johannesburg on 15 April 2018 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Umqeqeqshi weKaizer
Chiefs, uSteve Komphela, ohleli ngempund’enye esikhundleni sakhe, uzityande
igila ngekamva lakhe eNaturena. Le ndedeba ixelele iintatheli ukuba
kunokwenzeka abaphathi beChiefs banyuka besehla bekhangela umqeqeshi omtsha
onokuthi ayincede. Amakhosi aphantsi koxinizelelo oluvela kubalandeli bawo abangaxolanga
kukunqaba kweendebe eNaturena isithuba esingaphaya kweminyaka emibini yonke.

Izikhulu zeChiefs
bezibize intlanganiso kwiveki ephelileyo ebizinyaswe ngabo bonke
abachaphazelekayo. Nangona umxholo wentlanganiso iseyindaba yakwaMkhozi – kodwa
ingxelo ithi zininzi iinguqu ezizakuthi zenziwe yiChiefs ekupheleni kwale
sizini. Kwisicwangciso enaso ngoku iChiefs, kubonakala ngathi asimbandakanyi
nakanye uKomphela. Lo nto ithethe ukuthi xa kuphela isivumelwano sakhe
sengqesho kwinyanga yesiLimela, ibhatyi iza kugcwala umoya kuye.

UKomphela uthi
uyaqonda ukuba iChiefs kunokwenzeka ukuba ikhangela umqeqeshi oza kungena
endaweni yakhe kwaye akayisoli ngokwenza njalo ngoba yinto efanelekileyo leyo. “Ndiqinisekile
ukuba le nto isisivumelwano ibanayo imiqathango nemimiselo. Ukuba ke sithi
iminyaka mibini – ayikho enye into engaphaya oyifunayo. Sinjalo ke
isivumelwano. Okwethu [baqeqeshi] kukwenza umsebenzi xa sinikwe ithuba,”
utshilo uKomphela emva komdlalo izolo.

Amakhosi
abethe iPlatinum Stars ngo’1-0 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League
obubanjelwe eFNB Stadium kwinjikalanga yayizolo – kodwa iziphumo zalo mdlalo
akusekho mahluko ezinokuwenza ngoba kuyacaca okokuba iChiefs sele ihlabele mgama
kumalungiselelo wayo wesizini ezayo.

Lo
kaKomphela wagaleleka kwiChiefs ngo-2015 emva kokuqhuba kakuhle kwiMaritzburg
United nasemva kokuqeqesha amaqela afana neFree State Stars nePlatinum Stars. Usihlalo
weChiefs, uMnu. Kaizer Motaung, uthe balungiselela [bengabaphathi beqela] ukwenza
iinguqu ezinokuthi zibuyisele iqela lakhe kwisimo salo. Intetho kaMotaung
iphenjelelwe kukubethwa kweChiefs ngo’3-0 kutshanje yiChippa United kumdlalo
obuseFNB Stadium. Emva kwalo mdlalo, amathuba weChiefs wokunyukela phezulu
kwiPSL aye atshabalala.

“Amalungiselelo
ahlala esenziwa xa kuphela isizini. Enyanisweni, akukho ndawo enkulu njengale
enokulinda kude kube ngumzuzu wokugqibela. Lo nto ifanelekile ngoba xa ungenzi
amalungiselelo sube uzifaka engxakini. Ayichotshelwa ndim imiba yesivumelwano
sengqesho. Xa ungumqeqeshi, izinto ezinjalo zichotshelwa ngabanye abantu.
Akukho nto entsha endiyixelelweyo kubantu abajongene nezo zinto. Ngamanye
amaxesha izinto ziye zenzeke ungazi – kodwa okwangoku andazi nto,” utshilo
uKomphela.

Amakhosi
ahleli kwindawo yesine [ngoku] kwiPSL emva kokuphumelela ngo’1-0 izolo emalanga
kwaye asenalo ithuba lokuphumelela indebe ngoba adlala neFree State Stars
umdlalo weNedbank Cup kwiveki ezayo. Kodwa okubonakalayo kukuba iintsuku
zikaKomphela zibaliwe njengomqeqeshi weKaizer Chiefs emva kokungakwazi ukuza
nendebe kwiisizini ezimbini ezidlulileyo.