Ihashe laseeQonce, kwilali yaseNdevana, soze lilityalwe embalini yomdyarho wamahashe emva kokuba liqhumisele ngothuli amanye lemka nesityhwentywe semali. UKonakelephi wenze imbali ngokuphumelela imali engamashumi amahlanu amawaka erandi (R50 000) okokuqala emva kokufumana indawo ephambili emdyarhweni wooxholovane zeenkabi zamahashe ebezikhuphisana kwiNgumbela Horse Racing ebibanjelwe kuBhomela, eDutywa, ngeCawe egqithileyo. Nangona uTat’ uNgumbela elandulele eli limagad’ahlabayo kunyaka ophelileyo – kodwa bekugcwele ngendlela engummangaliso.
Ngaphandle kwabathandi bamahashe aphalayo, abanikazi bamahashe needyokhi zawo – umsitho ubufudunyaliswe bubukho bukasodolophi waseMbhashe Municipality, uMnu. Samkelo Janda, uMnu. Oscar Mabuyane (iNkulumbuso yeMpuma Kolo), amagosa wesebe lezemidlalo namalungu osapho lwakwaNgumbela. Emva kokuba ihashe lakhe lithathe iR50 000, uchulumanco belubhalwe ebusweni kuLopez Magongo nedyokhi yakhe, uSandile Xoza.
“Ndivuya kakhulu. Bendiyiqondile ukuba uKonakelephi uza kuphumelela ngoba lihashe elibaleka kakuhle kakhulu,” utshilo uLopez, okwathe uya kwiBerlin November ngomzimba ongenaxhala. ICawe egqithileyo yimini eyakuhlala isisikhumbuzo kumahashe waseMpuma Koloni emva kokuba uKonakelephi kaLopez eshiye amahashe azamileyo aquka uPhumilanga, uKumkani, uGobasithethe, uSihamba Ngolayini, uSanithayiza namanye amaninzi.
Emva kokuba benikwe amabhaso abaphumeleleyo, iNkulumbuso ivule ngokusesikwe ibala lokuqala lamahashe eMpuma Koloni elaqalwa ukwakhiwa nguTat’ uNgumbela ngo-2016 emva kokuchukunyiswa lihashe laseDutywa ekwakuthiwa nguAndazi elalibaleka kakhulu. UNgumbela ibingusomashishini obancedayo abantu futhi obe zibophelele kuphuhliso lwemidlalo ezilalini zaseMpuma Koloni. INkulumbuso yenze isithembiso esithi urhulumente uza kuyenza nkulu iNgumbela Horse Racing ebanjwa kanye ngonyaka kwinyanga yeDwarha. Ngokutsho kukasihlalo weNgumbela Legacy, uMnu. Simphiwe Tsipha, imali echithwe kulwakhiwo lebala ininzi kakhulu.
Ixhwele laseKZN noonyana balo ababulala indoda baza kufaka isicelo sebheyile